1 Naku ukusungulwa kweendaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, uNyana kaThixo.
2 Kunjengoko umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:“Naso isigidimi sam esiya kukwandulelasikugabulele izigcawu.
3 Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,niyihlahlele umgaqo wayo.’”
4 Entlango ke kwabonakala uYohane ebhaptiza, eshumayela ukuba abantu mabaguquke babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo.
5 Babephuma besiya kuye bonke abakwaJuda nabaseJerusalem, bezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.
6 UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi.
7 Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe?