Umarko 5 XHO96

Ukuphiliswa komntu waseGerasa oneendimoni

1 Bafika phesheya koLwandle lwaseGalili, kummandla welaseGerasa.

2 Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni, wahlangatyezwa ngumntu onendimoni, esuka emangcwabeni,

3 apho wayehlala khona. Ke kwakungekho bani unako ukumbopha nangamatyathanga.

4 Wayemana ebotshwa ngamakhamandela nangamatyathanga, kodwa awaqhawule amatyathanga, awakroboze namakhamandela. Kwakungekho bani unako ukumthoboza.

5 Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye.

6 Uthe ke, akubona uYesu esekude, wabaleka, waya kuguqa phambi kwakhe,

7 wakhala kakhulu, wathi: “Ufuna ntoni na kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Funga uThixo ukuba akuyi kundithuthumbisa.”

8 Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.”

9 UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?” Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.”

10 Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe.

11 Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho ngasentabeni;

12 zaza iindimoni ezo zambongoza uYesu, zisithi: “Sithumele ezihagwini, singene kuzo.”

13 Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.

14 Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo.

15 Bafika kuYesu, bambona lowo ubephethwe ngumkhosi weendimoni ehleli phantsi, enxibile, esezingqondweni; baza boyika.

16 Abo babeyibonile loo nto babaxelela okwenzekileyo kobephethwe ziindimoni, nokwenzekileyo ezihagwini.

17 Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo.

18 Xa wayengene esikhitshaneni uYesu, lowo ubephethwe ziindimoni wambongoza ukuba ahambe naye.

19 Kodwa akamvumelanga; koko wathi kuye: “Goduka, ubaxelele abakowenu oko ikwenzeleyo iNkosi: inceba engaka!”

20 Wemka ke, wakuxela kummandla weeDolophu eziliShumi oko uYesu wayemenzele kona. Bamangaliswa bonke abantu.

Intombi kaJayiro nomfazi owaphiliswa kukuchukumisa uYesu

21 Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu.

22 Kwathi ke kwafika igosa lendlu yesikhungo, eligama linguJayiro, elathi lakumbona, lakhahlela,

23 laza lambongoza, lisithi: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.”

24 UYesu ke wahamba nalo, ephahlwe yindimbane enkulu eyayimxinile.

25 Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa,

26 ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi.

27 Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe;

28 kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.”

29 Lanqamka kwangoko igazi, waziva emzimbeni wakhe ukuba uphilile kweso sifo.

30 Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”

31 Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”

32 Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

33 Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke.

34 UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”

35 Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?”

36 UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.”

37 Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi.

38 Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu.

39 Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.”

40 Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana.

41 UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!”

42 Yavuka kwangoko intombazana leyo, yahamba-hamba. (Yayineminyaka elishumi elinambini izelwe.) Bamangaliswa abantu, bakhwankqiswa.

43 UYesu wabayala kakhulu ukuba bangaxeleli mntu, waza wathi mayinikwe into etyiwayo intombazana leyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16