Umarko 13 XHO96

UYesu uthetha ngokudilizwa kwendlu kaThixo

1 Xa ke uYesu wayephuma *endlwini kaThixo, omnye umfundi wakhe wathi kuye: “Mfundisi, uyawabona la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?”

2 Waphendula uYesu wathi kuye: “Uyazibona ezi zakhiwo zingaka? Akusayi kusala litye phezu kwelitye elingayi kudilizwa.”

Ukuqala kwentshutshiso

3 UYesu wayehleli eNtabeni yemiNquma, ejongene *nendlu kaThixo, baza bambuza bebodwa ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi:

4 “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo.”

5 Waza wabaphendula uYesu wathi: “Lumkani ningalahlekiswa bani,

6 kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu.

7 Xa nithe neva ngeemfazwe nangamarhe eemfazwe, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko.

8 Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo, kubekho neendlala. Kunjengokuqala kwenimba ke oko.

9 “Zilumkeleni ke okwenu. Baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ningqine kubo.

10 Kuqala ke iindaba ezimnandi ezi zimelwe kukuvakaliswa kuzo zonke iintlanga.

11 Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.

12 Ke kaloku oonyana bomntu omnye baya kunikelana ekufeni, aze uyise anikele umntwana wakhe, baze nabantwana bavukele abazali, bababulale.

13 Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.”

Imbandezelo enkulu

14 “Ke kaloku, xa nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso,’ lilapho lingamelwe kukuba khona (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni.

15 Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe.

16 Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe.

17 Hayi ke kwabanzima nabadlezana ngaloo mihla!

18 Thandazelani ukuba oku kungenzeki ebusika,

19 kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo.

20 Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo.

21 “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto;

22 kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka.

23 Lumkani ke nina! Kaloku ndinixelele ezi zinto zingekenzeki.”

Ukuza koNyana woLuntu

24 “Ngaloo mihla, emva kwayo loo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi,

25 zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.

26 Baya kumbona ke ngelo xesha *uNyana woLuntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli.

27 Ngelo xesha uya kuthuma izithunywa zezulu zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.”

Umzekeliso ngomkhiwane

28 “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.

29 Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

30 Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula, zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.

31 Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”

Phaphani nilinde

32 “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Nezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.

33 Lumkani ke ningozeli, kuba anazi ukuba lofika nini na ixesha elo.

34 Kufana nomntu ohambeleyo eshiya indlu yakhe, aze azinike igunya izicaka zakhe, enika umsebenzi isicaka ngasinye, amyalele umgcinisango ukuba alinde.

35 Lindani ke, kuba ningâzi ukuba wofika nini na umninindlu. Kaloku angafika nanini na: nokuba kungolwemivundla, nokuba kusezinzulwini zobusuku, nokuba kungeenkuku zokuqala, nokuba kuxa kumpondo zankomo.

36 Lindani ke, hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.

37 Ke oko ndikuthethayo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16