Umarko 6 XHO96

Ukudelwa kukaYesu eNazarete

1 Wemka apho uYesu, wabuyela kowabo, elandelwa ngabafundi bakhe.

2 Uthe ke, kwakuba *nguMhla woPhumlo, wafundisa *endlwini yesikhungo. Kwakukho abantu abaninzi apho, abathe, bakuva, bamangaliswa, besithi: “Lo uyithathe phi na yonke le nto? Bulumko buni na obu abunikiweyo ukuze enze imimangaliso elolu hlobo?

3 Lo akanguye na umchweli, unyana kaMariya, umntakwabo-Yakobi noYose noJuda noSimon? Noodade wabo abakho na apha phakathi kwethu?” Ngenxa yale nto ke bambukula.

4 Ke uYesu wathi kubo: “Kakade *umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukowabo kuphela, kwizizalwana zakhe, ekhayeni lakhe, apho angayifumaniyo khona.”

5 Wayengenako ke ukwenza namnye ummangaliso apho, ngaphandle kokuba abeke izandla kwimilwelwe embalwa, ayiphilise.

6 Wayemangaliswa kukungakholwa kwabo.Wayejikeleza uYesu ezityhutyha iidolophana efundisa.

Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini

7 Wababizela kuye abafundi abalishumi elinambini, waza wabathuma ngababini, ebanike igunya lokoyisa iindimoni.

8 Wabayalela ukuba bangaphathi nto ngaphandle komsimelelo. Wayesithi mabangaphathi nangxowa, nasonka, namali embhinqweni;

9 bathi noko banxibe izihlangu, kodwa bangaphathi zambatho zingazibini.

10 Ngaphezu koko wathi kubo: “Kuloo ndlu nithe naya kungena kuyo, hlalani kuyo nide nimke kuloo dolophu.

11 Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”

12 Baphuma ke, bashumayela besithi abantu mabaguquke.

13 Bakhupha iindimoni ezininzi, bayithambisa ngeoyile imilwelwe emininzi, bayiphilisa.

Ukubulawa kukaYohane umbhaptizi

14 Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.”

15 Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.”

16 Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!”

17 Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe.

18 Kaloku uYohane wayethe kuHerode: “Akuvumelekanga ukuba umthathe umfazi womntakwenu.”

19 UHerodiya ke wamxhiba, wazungula ukumbulala. Kodwa wayengenako,

20 kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elungileyo, engcwele, waza wambeka elugcinweni. UHerode wayethanda ukumphulaphula uYohane, nangona wayedideka kakhulu akumva.

21 Lada ke lafika ithuba elihle kuHerodiya. Yayisisikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, waza wazenzela itheko izikhulu zakhe, neenjengele zakhe, namanene elaseGalili.

22 Yangena ke intombi kaHerodiya, yangqungqa yamkholisa uHerode nabo babesethekweni kunye naye. Waza ukumkani wathi kwintombi leyo: “Cela nantoni na oyifunayo; ndokupha.”

23 Wafunga esithi: “Into othe wayicela kum ndokupha, nokuba sisiqingatha sobukumkani bam.”

24 Yaphuma ke intombi, yaya kunina, yathi: “Ndicelè ntoni, mama?”Wathi yena: “Cela intloko kaYohane umbhaptizi.”

25 Kwangoko intombi leyo yaya kungena ngokungxama kukumkani, yacela isithi: “Ndifuna undinike intloko kaYohane umbhaptizi ngesitya ngoku.”

26 Waba buhlungu kakhulu ukumkani, kodwa akabanga nakulandula, kuba wayefunge phambi kwabo bonke ababesethekweni.

27 Kwangoko ke ukumkani wathuma umxhomi, emyalela ukuba azise intloko kaYohane. Waya ke, wamnqumla intloko entolongweni apho,

28 waza wayizisa ngesitya intloko yakhe, wayinika intombi leyo; yaza yona yayinika unina.

29 Bekuvile oko abafundi bakaYohane, beza basithatha isidumbu sakhe, baya kusingcwaba.

UYesu wandisa ukutya

30 *Abathunywa ke babuyele kuYesu, bamxelela zonke izinto ababezenzile kwanababezifundisile.

31 UYesu wathi kubo: “Yizani ngasese kwindawo engenabantu, niphumle kancinane;” kuba babebaninzi abaphuma bengena, baza ababa nalo nethutyana eli lokuba batye.

32 Bemka ngesikhitshana ke bebodwa, besiya kwindawo engenabantu.

33 Babonwa besimka, baza baziwa ngabaninzi. Bathi ke abantu, bevela kuzo zonke iidolophu, bakhawuleza baya khona ngeenyawo, bafika ngaphambi kwabo.

34 Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi.

35 Lakuba limkile ixesha, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile;

36 bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.”

37 Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.”Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?”

38 Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.”Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”

39 UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela.

40 Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu.

41 Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke.

42 Batya ke bonke bahlutha.

43 Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini.

44 Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

45 Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele.

46 Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni.

47 Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni.

48 Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo,

49 bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala,

50 kuba bambona bonke, babethwa luvalo.Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.”

51 Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene,

52 kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile.

UYesu uphilisa abagulayo ezweni laseGenesarete

53 Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana.

54 Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu,

55 bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona.

56 Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16