Umarko 11 XHO96

UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki

1 Ke kaloku, bakusondela eJerusalem, eBhetefage naseBhetani, ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe,

2 esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nani. Nothi ke ningenanje nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni ke, niyizise apha.

3 Ukuba ubani uthe kuni: ‘Kutheni na ukuba nikwenze oku?’ ze nithi: ‘Iyafuneka eNkosini. Iza kubuyiswa kwangoku.’ ”

4 Basuka ke baya, bayifumana inkonyana ibotshelelwe ngasesangweni esitalatweni. Bakuyikhulula ke,

5 abathile kwababemi khona bathi kubo: “Nenza ntoni na, niyikhulula nje inkonyana?”

6 Bathetha ke njengoko babeyalelwe nguYesu, baza bayekwa.

7 Bayizisa inkonyana kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo, wakhwela.

8 Abaninzi ke bandlala iingubo zabo endleleni, bathi abanye bandlala amahlamvu abawakhe emasimini.

9 Abo babehamba ngaphambili nabo babelandela ngasemva babedanduluka besithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi!

10 Makabongwe oza kuvusa ulawulo lukaBawo uDavide! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke.”

11 UYesu ke wangena eJerusalem, wangena *nasendlwini kaThixo, wahamba ezibuka izinto zonke, wathi, ngenxa yokuba kwakusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

Umqondiso womkhiwane; ukuvalwa korhwebo endlwini kaThixo

12 Ngengomso, bakuba bephumile eBhetani, uYesu waziva elambile,

13 waza wathi, akuba ebone umkhiwane uthe qelele, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana siqhamo na kuwo. Akufika kuwo akafumananga nto ngaphandle kwamagqabi, kuba kwakungelilo ixesha lamakhiwane.

14 UYesu ke wathi kuwo umkhiwane: “Ze kungaze kutyiwe siqhamo kuwe naphakade!”Babesiva abafundi bakhe.

15 Bafika ke eJerusalem, uYesu waya kungena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa amahobe wazibhukuqa.

16 Wayengavumi ukuba kubekho bani ucanda endlwini kaThixo ethwele nokuba yintoni na.

17 Wabafundisa esithi: “Akatsho na uThixo *eziBhalweni ukuthi: ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke’? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”

18 Bekuvile oku ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bafuna indlela abanokumbulala ngayo uYesu. Babesoyika, kuba indimbane yonke yayimangalisiwe yimfundiso yakhe.

19 Kwakuhlwa, uYesu nabafundi bakhe baphuma esixekweni.

20 Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini.

21 UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”

22 Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene,

23 othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.

24 Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.

25 Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu. [

26 Ke, ukuba anixoleli, nàye uYihlo osezulwini akayi kunixolela iziphoso zenu.]”

Igunya likaYesu

27 Bafika ke eJerusalem kwakhona, kwaza kwathi, uYesu ehamba-hamba *endlwini kaThixo kwafika kuye ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu.

28 Bona bambuza besithi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Ingubani na kakade okunike elo gunya lokwenza ezi zinto?”

29 Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ndiya kunibuza mbuzo mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

30 Khanindixelele, ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”

31 Baxoxa bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningamamkeli?’

32 Ngaba sinokuthi: ‘Lwaluvela ebantwini’?” – kodwa babesoyika isihlwele, kuba bonke babesithi uYohane *wayengumshumayeli ngokwenene.

33 Baphendula ke bathi kuYesu: “Asazi.”Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16