Umarko 14 XHO96

UYesu uyabhungwa

1 Ke kaloku kwakuziintsuku ezimbini phambi *kwePasika *netheko lezonka ezingenagwele. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.

2 Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”

Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani

3 Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo.

4 Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo?

5 Ngethengiswe ngemali engaphezu kweerandi ezingamakhulu amathathu, kwaphiwa amahlwempu.” Baza ke bayikhalazela loo ntokazi.

6 UYesu ke wathi: “Myekeni; nimkhathazelani? Úndenzele into entle.

7 Kaloku amahlwempu lawo nihleli ninawo: nanini na nakuthanda ningawanceda. Mna ke anihleli ninam.

8 Le ntokazi yenze loo nto ibinokuyenza. Umzimba wam iwuthambisele ukungewatywa kwangaphambili.

9 Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”

UJudas uceba ukungcatsha uYesu

10 UJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, wesuka ke waya kubabingeleli abaziintloko ukuze amnikele kubo uYesu.

11 Bathi bona bakuva bavuya, bamthembisa ngemali. Yena ke wahlala efuna ithuba lokuba amnikele.

UYesu nabafundi bakhe batya iPasika

12 Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, xa kwakubingelelwa itakane *lePasika, abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na iPasika?”

13 Ke wathuma bababini kubafundi bakhe, wathi kubo: “Hambani niye esixekweni. Nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Mlandeleni ke,

14 niye kuloo ndlu angena kuyo, nithi kumnini-mzi: ‘Uthi uMfundisi: “Liphi na igumbi leendwendwe elilungiselelwe mna, apho ndingáyidlela khona iPasika nabafundi bam?” ’

15 Yena wonibonisa igumbi elikhulu, eliphezulu, linempahla yalo. Lungiselelani apho ke.”

16 Bahamba abo bafundi, baya kungena esixekweni, bafika kunjengoko wayetshilo, bayilungiselela iPasika.

17 Kwakuhlwa, wafika uYesu, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

18 Bakuba behleli besitya, uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha, nina nityayo kunye nam, uya kundingcatsha.”

19 Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na? Ngaba iya kuba ndim na?”

20 Waphendula ke wathi kubo: “Iya kuba ngomnye kubafundi abalishumi elinambini, lowo usithi nkxu kunye nam isonka esityeni.

21 Okunene *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga.”

Ukusungulwa komthendeleko

22 Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”

23 Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke.

24 Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi.

25 Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo.”

26 Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.

UYesu ulumkisa uPetros

27 UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’

28 Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.”

29 Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”

30 UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”

31 Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!”Batsho ke bonke.

UYesu uthandaza eGetsemane

32 Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.”

33 Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu,

34 wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.”

35 Ehambele phambili umganyana ke, wawa emhlabeni, wathandazela ukuba loo ndebe ikrakra idlule kuye ukuba kunokwenzeka.

36 Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”

37 Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Simon, ulele? Ubungenakulinda na okweli thutyana?

38 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”

39 Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi.

40 Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula.

41 Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.

42 Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”

Ukubanjwa kukaYesu

43 Kwangoko, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu.

44 Ke kaloku umngcatshi lowo wayebanike umqondiso esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni, nimke naye angaphuncuki.”

45 Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wathi: “Mfundisi!” Wamanga.

46 Bambamba ke uYesu,

47 waza omnye wâbo babemi khona, warhola ikrele, wasixabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.

48 UYesu ke wathi kubo: “Niphumele ukuza kubamba mna, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange?

49 Bendinani imihla ngemihla ndifundisa *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze zizaliseke *iziBhalo.”

50 Emva koko ke babaleka bonke abafundi, bamshiya.

51 UYesu wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ingubo yelinen kuphela. Yona yabanjwa,

52 kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé.

UYesu ephambi kombingeleli omkhulu

53 UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho.

54 Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.

55 Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga,

56 kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani.

57 Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi:

58 “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ”

59 Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani.

60 Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?”

61 Kodwa yena wahlala wathi tu, akaphendula. Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza esithi: “Unguye na *uKrestu, uNyana walowo ungowokubongwa?”

62 Wathi ke uYesu: “Ndinguye. Nangoku niya kumbona *uNyana woLuntu, ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”

63 Wazikrazula iingubo zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Sisawafunelani na amangqina?

64 Nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na nina?”Bamgweba ke bonke ukuba unetyala, besithi ufanele ukufa.

65 Yaza ke inxenye yabo yamtshicela, yamgquma ubuso, yambetha, isithi kuye: “Xela; ubethwe ngubani?” Nezicaka ke zamntlitha-ntlitha.

UPetros ukhanyela uYesu

66 UPetros ke esezantsi eyadini yomzi, kweza kuye esinye kwizicakazana zombingeleli omkhulu.

67 Sithi sona sakumbona uPetros esotha, samqwalasela, sathi: “Nawe ubunaye umNazarete uYesu.”

68 Wakhanyela esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo!” Waphuma ke esiya ngasesangweni.

69 Isicakazana eso siphinde sambona, saza sathi kwabo babemi khona: “Lo ngomnye wabo.”

70 Waphinda ke wakhanyela uPetros.Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.”

71 Waza ke uPetros waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi lo mntu nithetha ngaye!”

72 Yakhala okwesibini inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali kabini inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Woyisakala ke, walila.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16