Umarko 10 XHO96

Uqhawulo-mtshato

1 Emkile apho, uYesu waya kwelakwaJuda naphesheya kweJordan. Kwabuya ke kwahlanganisana izihlwele ngakuye, waza wathi ngokwesiqhelo sakhe wazifundisa.

2 Bafika *abaFarasi, bathi ngokumlinga bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo.

3 Waphendula wathi kubo: “UMosis waniwisela mthetho mni na?”

4 Bathi bona: “UMosis uyayivumela indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize ke imale umfazi wayo.”

5 Waphendula uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zenu,

6 kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi.

7 Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo,

8 baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye.

9 Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”

10 Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza uYesu ngayo loo nto.

11 Wathi ke kubo: “Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza.

12 Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.”

UYesu usikelela abantwana

13 Kwathi xa kwakuziswa abantwana kuYesu ukuba abachukumise, basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo.

14 Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wakhathazeka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.

15 Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”

16 Waza wabasingatha abantwana, wabasikelela ebabeka izandla.

Umfana osisityebi

17 Xa wayephuma uYesu ehamba, umntu othile weza ebaleka, waguqa phambi kwakhe, wambuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”

18 UYesu ke wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo.

19 Uyayazi le mithetho ithi: ‘Uze ungabulali; uze ungakrexezi; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; uze ungaqhathi; beka uyihlo nonyoko.’”

20 Waphendula yena wathi kuye: “Mfundisi, zonke ezo zinto ndazenza kwasebuncinaneni bam.”

21 UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”

22 Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.

23 UYesu ke esinga-singile, wathi kubafundi bakhe: “Hayi ubunzima bokuba izityebi zikuxhamle ukulawulwa nguThixo!”

24 Ke abafundi bakhe bamangaliswa ngala mazwi akhe. Waza uYesu waphinda wathetha nabo, wathi kubo: “Bantwana bam, hayi ubunzima bokuxhamla ukulawulwa nguThixo.

25 Kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

26 Bamangaliswa kunene, bathi omnye komnye: “Ngubani ke onokusindiswa?”

27 Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

28 Waza uPetros wathi kuye: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela.”

29 Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba ngunina, nokuba nguyise, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezimnandi,

30 ongayi kuthi amkele kalikhulu: izindlu, nabantakwabo, noodade wabo, noonina, nabantwana, namasimi, zikunye neentshutshiso kweli phakade; aze ke athi kwelizayo iphakade amkele ubomi obungunaphakade.

31 Baninzi ke phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”

UYesu ufindisa okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe

32 Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eJerusalem, uYesu ehamba ngaphambili. Abafundi bakhe babemangalisiwe; abo bamlandelayo besoyika. Waphinda wabathatha abafundi abalishumi elinambini, waza wabaxelela izinto eziza kumhlela,

33 esithi: “Niyabona, siyenyuka, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko, nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele kwabasemzini.

34 Bona ke baya kumenza intlekisa, bamtshicele, bamkatse, bambulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.”

Isicelo sikaYakobi noYohane

35 Ke kaloku uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, beza kuYesu, bathi: “Mfundisi, sifuna ukuba usenzele oko sothi sikucele kuwe.”

36 Wathi kubo: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?”

37 Bathi bona kuye: “Sicela ukuba usinike ezona zikhundla ziphezulu xa usewongeni.”

38 Wathi kubo uYesu: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?”

39 Bathi ke bona kuye: “Sinako.”Wathi ke uYesu kubo: “Okunene intlungu endiyivayo mna niya kuyiva nani, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo;

40 kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezâbo bazilungiselelweyo nguThixo.”

41 Bakuyiva le nto ithethwa nguYakobi noYohane, abanye abafundi abalishumi bakhathazeka.

42 UYesu ke, ebabizele kuye, wathi kubo: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo bathi bayalawula banobukhosi kuzo; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.

43 Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

44 nofuna ukuba ngowokuqala, makabe sisicaka sabo bonke.

45 Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

UYesu uphilisa imfama eJeriko

46 Bafika ke eJeriko. Xa uYesu nabafundi bakhe nesihlwele esikhulu babephuma apho eJeriko, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, wayehleli ngasendleleni engqiba.

47 Wathi ke akuva ukuba nguYesu waseNazarete, wadanduluka esithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

48 Abaninzi babemkhalimela besithi makathi tu, kodwa kwaba kokukhona wadandulukayo ngakumbi esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”

49 Wema uYesu, wathi: “Mbizeni.”Bayibiza imfama, besithi kuyo: “Yomelela; phakama; úyakubiza.”

50 Ithe ke imfama, ilahle ingubo yayo, yaphakama, yeza kuYesu.

51 UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.”

52 Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16