Umarko 7 XHO96

Isithethe samanyange

1 *AbaFarasi nabachazi-mthetho abathile bahlanganisana ngakuYesu, bevela eJerusalem,

2 baza babona abathile kubafundi bakhe besitya isonka ngezandla ezinomlaza, ezingahlanjwanga.

3 Kaloku abaFarasi namaJuda onke abatyi bengazihlambanga izandla ngokwesiko, begcine isithethe samanyange.

4 Naxa bevela emarikeni abatyi bengahlambanga. Zikho ke nezinye izinto ezininzi abazamkele ukuba bazigcine, ezinjengokutshizwa kweendebe, neebhekile, nezitya.

5 AbaFarasi nabachazi-mthetho bambuza ke uYesu, besithi: “Kutheni na ukuba abafundi bakho bangenzi ngokwesithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”

6 Wabaphendula esithi: “UIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, bahanahanisindini, njengokuba kubhaliwe kwathiwa:“ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.

7 ‘Bafumana bendihlonela,kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’

8 “Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nasuka nagcina isithethe sabantu.”

9 Kwakhona wathi kubo: “Ningamachule ekuwutshitshiseni umyalelo kaThixo, nokuze niphakamise esenu isithethe.

10 Andithi uMosis wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko;’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe’?

11 Kanti ukuba ubani unento angámnceda ngayo uyise nokuba ngunina, aze asuke athi uzimisele ukuyenza umnikelo kuThixo loo nto, nina ngokwesithethe senu nithi

12 akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina.

13 Ngokwenjenjalo nilenza into engento ilizwi likaThixo, nilandele isithethe senu enisifundisayo. Zikho ke nezinye izinto ezininzi ezilolu hlobo enizenzayo.”

Ezona zinto zimngcolisayo umntu

14 UYesu wayibizela kuye kwakhona indimbane, wathi: “Phulaphulani nonke, nivisise.

15 Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto eziphuma kuye entliziyweni ngaphakathi ezimngcolisayo. [

16 Ke oneendlebe zokuva makeve.]”

17 Akungena endlwini, evela kwindimbane leyo, abafundi bakhe bambuza intsingiselo yala mazwi.

18 Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa?

19 Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.

20 Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo.

21 Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala,

22 ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa.

23 Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”

Ukukholwa komSirofenikazi

24 Emkile apho uYesu, waya emideni yaseTire; wangena endlwini, engafuni ukuba kwaziwe ukuba ukho, kodwa akaba nako ukufihlakala.

25 Umfazi othile, ontombazana yayinendimoni, uthe kwangoko akuva ngaye, waya kuye, wazikhahlela ngasezinyaweni zakhe.

26 Lo mfazi, ontetho yayisisiGrike, wayengumSirofenikazi ngokuzalwa. Wabongoza uYesu ukuba ayikhuphe kwintombazana yakhe indimoni leyo.

27 Wathi ke uYesu kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala. Kaloku akufanelekanga ukuba ukutya kwabantwana kunikwe iinjana.”

28 Waphendula yena wathi kuye: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana eziphantsi kwetafile zitya imvuthuluka yokutya kwabantwana.”

29 Waza wathi kuye uYesu: “Ngenxa yokuthethileyo, hamba uhambe: indimoni iphumile kwintombazana yakho.”

30 Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.

UYesu uphilisa isithulu

31 UYesu ke waphuma emideni yaseTire, wadlula eSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi.

32 Kweziswa kuye isithulu esithintithayo, wabongozwa ukuba abeke isandla phezu kwaso.

33 UYesu ke wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso,

34 wakhangela ezulwini, wancwina wathi kuso: “Efata;” (oko kukuthi: “Vuleka”).

35 Zavuleka ke kwangoko iindlebe zaso, yacombuluka ingqambu yolwimi lwaso, sathetha kakuhle.

36 UYesu wabayala ukuba bangaxeleli bani, kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kokukhona bakuvakalisayo ngakumbi.

37 Abantu bamangaliswa bathi nqa, besithi: “Konke akwenzayo ukwenza kakuhle; uzenza nezithulu zive, nezimumu zithethe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16