Umarko 3 XHO96

Ukuphiliswa kowome isandla

1 Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla.

2 Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele.

3 UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.”

4 Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?”Kwathi cwaka.

5 Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe.

6 Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu.

Inkitha yabantu ngaselwandle

7 Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda,

8 naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe.

9 Wathi kubafundi bakhe mabamlungiselele isikhitshana, hleze axinwe sisihlwele,

10 kuba wayephilise abantu abaninzi, baza bonke abanezifo bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise.

11 Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!”

12 Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini.

Ukumiselwa kwabafundi abalishumi elinambini

13 UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke,

14 waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela,

15 ebanike igunya lokukhupha iindimoni.

16 Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros;

17 uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha;

18 uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo,

19 noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha.

Ukunyelisa kwabachazi-mthetho

20 UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku.

21 Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”

22 Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo.

23 Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana?

24 Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala;

25 nomzi ovukelana wodwa uyachithakala.

26 NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho.

27 “Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha, aze aphange impahla yalo, engathanga kuqala alibophe elo gorha, aze ke andule ukuyiphanga indlu yalo.

28 “Inene, baya kuzixolelwa zonke izono oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

29 kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lesono esingatshitshiyo.”

30 UYesu watsho kuba babesithi unendimoni.

Ezona zizalwana zikaYesu

31 Kwafika abantakwabo-Yesu kunye nonina, baza bathi, bemi ngaphandle, bayaleza ukuba makabizwe.

32 Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.”

33 Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?”

34 Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu.

35 Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16