Umarko 4 XHO96

Umzekeliso ngomhlwayeli

1 Kwakhona uYesu wafundisa ngaselwandle. Saza isihlwele esasihlanganisene ngakuye saba sikhulu kangangokude yena aye kukhwela esikhitshaneni, ahlale kuso elwandle. Isihlwele sona sasiselunxwemeni apho.

2 Ke wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi:

3 “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela.

4 Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba.

5 Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.

6 Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.

7 Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula, lwayiminxa, ayaba nasiqhamo.

8 Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”

9 Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”

Injongo yemizekeliso

10 Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso.

11 Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto;

12 ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo,“ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi;besiva nje, beve bangaqondi;hleze baguquke, baxolelwe.’”

Ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli

13 Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso?

14 Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi.

15 Abo ke basendleleni, apho ilizwi likaThixo lihlwayelwa khona, ngâbo bathi, bakuba bevile, bafikelwe kwangoko nguSathana, emke nalo ilizwi elihlwayelweyo kubo.

16 Ke abo banjengendawo elulwalwa ekuhlwayelwe kuyo ngabathi, bakuba belivile ilizwi, balamkele kwangoko bevuya;

17 kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, beme umzuzwana kuphela; bathi emva koko, kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, boyisakale kwangoko.

18 Abo banjengendawo enokhula ekuhlwayelwe kuyo ngabathi balive ilizwi,

19 aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, nokunqwenela ezinye izinto, kungene kuliminxe ilizwi, lize lingabi nasiqhamo.

20 Abo banjengomhlaba olungileyo ekuhlwayelwe kuwo ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo: omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.”

Umzekeliso ngesibane

21 Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ngaba isibane sikhe siqutyudelwe ngethunga okanye sifakwe phantsi kwebhedi na? Asixhonywa endaweni yaso yini na?

22 Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele.

23 Ke oneendlebe zokuva makeve.”

24 Kwakhona wathi kubo: “Yilumkeleni into eniyivayo. Umlinganiselo enibalinganisela ngawo abanye, niya kulinganiselwa kwangawo nguThixo nani, kuze kongezwe kuni, nina nivayo.

25 Lowo sukuba enolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto anayo.”

Umzekeliso ngembewu

26 Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini,

27 aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.

28 Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo.

29 Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”

Umzekeliso ngokhozo lwembewu yemostade

30 Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni?

31 Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni,

32 kodwa xa luthe lwatyalwa, lukhula lube lukhulu kunazo zonke izityalo, lube namasebe amakhulu kangangokuba iintaka zibe nokwakhela iindlwane zazo kuwo zisemthunzini.”

33 UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda.

34 Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into.

UYesu uzolisa isaqhwithi

35 Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.”

36 Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana.

37 Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi.

38 UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?”

39 Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu.

40 UYesu ke wathi kubo: “Yini na ukuba noyike kangaka? Kutheni ukuba ningakholwa?”

41 Babesoyika kakhulu, omnye esithi komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16