Umarko 1 XHO96

UYohane umbhaptizi

1 Naku ukusungulwa kweendaba ezimnandi ezingoYesu Krestu, uNyana kaThixo.

2 Kunjengoko umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:“Naso isigidimi sam esiya kukwandulelasikugabulele izigcawu.

3 Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,niyihlahlele umgaqo wayo.’”

4 Entlango ke kwabonakala uYohane ebhaptiza, eshumayela ukuba abantu mabaguquke babhaptizwe, aze uThixo abaxolele izono zabo.

5 Babephuma besiya kuye bonke abakwaJuda nabaseJerusalem, bezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.

6 UYohane wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Wayesitya iinkumbi nobusi.

7 Wayeshumayela esithi: “Lowo uza emva kwam unamandla kunam. Bendingubani mna kakade ukuba ndingade ndikhulule imitya yezihlangu zakhe?

8 Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”

Ukubhaptizwa kukaYesu nokulingwa kwakhe

9 Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho.

10 Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe.

11 Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”

12 Kwangoko uMoya oyiNgcwele wamqhubela entlango uYesu.

13 Waba lapho entlango iintsuku ezimashumi mane, elingwa nguSathana, ephakathi kwezilo zasendle. Izithunywa zezulu ke zazimlungiselela kwiintswelo zakhe.

Ukubizwa kwabafundi bokuqala

14 Emva kokubanjwa kukaYohane, uYesu waya eGalili, evakalisa iindaba ezimnandi ezivela kuThixo,

15 esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”

16 Ke kaloku kwathi ehamba ngakuLwandle lwaseGalili, wabona uSimon noAndreya umninawe wakhe bephosa umnatha elwandle. Kaloku bona babengabalobi beentlanzi.

17 UYesu wathi kubo: “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngabalobi babantu.”

18 Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.

19 Uthe ke, ehambele phambili kancinane, wabona uYakobi noYohane umninawe wakhe, oonyana bakaZebhedi, besesikhitshaneni sabo, belungisa iminatha yabo.

20 Wababiza, baza ke bamshiya uyise uZebhedi esikhitshaneni apho enabaqeshwa, balandela uYesu.

Ukuphiliswa komntu onendimoni

21 Bangena ke kwidolophu yaseKapernahum, waza ke uYesu *ngoMhla wokuqala wokuPhumla wafundisa *endlwini yesikhungo.

22 Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

23 Kwakukho umntu onendimoni endlwini yesikhungo apho, owayekhala esithi:

24 “Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi ukuba ungubani na: ungoyiNgcwele kaThixo!”

25 UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kulo mntu!”

26 Ke indimoni leyo yamxhuzula loo mntu, yaphuma kuye ibhomboloza.

27 Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “Yaz'ba yintoni na le nto! Ngaba yimfundiso entsha? Ngathi lo mfo ufundisa ngegunya! Ewe, neendimoni ezi uyazikhalimela zimthobele!”

28 Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.

Ukuphiliswa kwabaninzi

29 Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.

30 Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga.

31 Waya kuye uYesu, wamphakamisa embambe ngesandla; yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya.

32 Kwathi ke ngokuhlwa, selitshonile ilanga, abantu bazisa kuye bonke abagulayo nabaneendimoni.

33 Bonke abantu baloo dolophu babehlanganisene ngasemnyango apho.

34 UYesu ke waphilisa abaninzi abagula zizifo ngezifo, ekhupha neendimoni. Iindimoni ezi wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi.

Ukuthandaza nokushumayela kukaYesu eGalili

35 Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese.

36 USimon nâbo babenaye baya kumfuna.

37 Bakuba bemfumene, bathi kuye: “Uyafunwa ngumntu wonke.”

38 Kambe ke yena wathi kubo: “Masihambe siye kwezinye iidolophu zalapha, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezimnandi. Kaloku ndizele kanye loo nto.”

39 Walityhutyha lonke elaseGalili, eshumayela *ezindlwini zesikhungo, ekhupha iindimoni.

Ukuphiliswa koneqhenqa

40 Kwasuka mntu uthile uneqhenqa weza kuYesu, wambongoza eguqe phambi kwakhe, wathi: “Unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”

41 UYesu wavelana naye, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye: “Ndiyathanda; hlambuluka.”

42 Kwangoko laphela iqhenqa, wahlambuluka.

43 Akuba emyale kabukhali, wamndulula kwangoko,

44 esithi kuye: “Lumka ungaxeleli bani nento le. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo ngezo zinto wazimiselayo uMosis, ube bubungqina ngokuhlanjululwa kwakho.”

45 Kodwa yena akuphuma, wasuka wayibhengeza kakhulu le nto. Ngenxa yoko uYesu akabanga saba nako ukungena edolophini ebonwa ngabantu, koko wahlala emaphandleni. Abantu ke babesiza kuye, bevela macala onke.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16