Umatewu 28 XHO96

Ukuvuka kukaYesu

1 Wakuba udlule *uMhla woPhumlo, ekuseni ngeCawe, kwafika uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beze kukhangela ingcwaba.

2 Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo.

3 Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu.

4 Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo.

5 Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni.

6 Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.

7 Khawulezani ke, niye kubaxelela abafundi bakhe okokuba uvukile kwelabafileyo. Niyabona, uyanandulela ukuya eGalili, apho niya kumbona khona. Nivile ke, ndinixelele.”

8 Bemka ke engcwabeni ngokukhawuleza, babaleka bephethwe luloyiko naluvuyo olukhulu, besiya kuxelela abafundi bakhe.

9 Nanko uYesu ebahlangabeza, ebabulisa. Baza baya kuye, baqubuda, babambelela ezinyaweni zakhe.

10 Waza wathi kubo uYesu: “Sanukoyika. Yiyani kuxelela amawethu ukuba makaye eGalili, apho aya kundibona khona.”

Ubuxoki obâsasazwa phakathi kwamaJuda

11 Bakuba bemkile abo bafazi, gqi amajoni athile kulawo awayegade ingcwaba, angena esixekweni, axelela ababingeleli abaziintloko konke okwenzekileyo.

12 Ababingeleli abaziintloko bacebisana namadoda amakhulu, baza bathatha imali eninzi, bayinika amajoni lawo,

13 bathi: “Ze nithi abafundi bakhe beze ebusuku, bamba nilele.

14 Ukuba le nto ithe yavakala kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, ningabi naxhala nina.”

15 Amajoni ayithatha loo mali, enza njengoko ayexelelwe. Eli bali ke lasasazwa kumaJuda kwada kwaba namhlanje.

Umyalezo wokugqibela kaYesu

16 Bahamba ke abafundi abalishumi elinanye, baya eGalili kuloo ntaba uYesu wayebayalele ngayo.

17 Bathi bakumbona, baqubuda kuye, kodwa abanye babethandabuza.

18 Wasondela uYesu, wathi kubo: “Anikwe mna onke amagunya ezulwini nasemhlabeni.

19 Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele;

20 nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28