Umatewu 13 XHO96

Umzekeliso ngomhlwayeli

1 Kwangaloo mini uYesu waphuma endlwini, waya kuhlala ngaselwandle. Sahlanganisana ngakuye isihlwele,

2 saba sikhulu kangangokuba yena waya kukhwela esikhitshaneni, wahlala kuso. Isihlwele sona sema elunxwemeni.

3 UYesu ke wasifundisa isihlwele izinto ezininzi ngemizekeliso, esithi: “Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela.

4 Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zeza iintaka zayichola zayigqiba.

5 Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba.

6 Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela.

7 Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula lwayiminxa.

8 Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.

9 Oneendlebe zokuva makeve.”

Injongo yemizekeliso

10 Beza kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Kutheni na ukuba uthethe nabo ngemizekeliso?”

11 Waphendula wathi: “Kungenxa yokuba nina nikunikiwe ukuzazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa bona abakunikwanga.

12 Lowo unako uya kunikwa, abe nako nangaphezulu; kodwa lowo ungenako uya kuhluthwa kwanoko anako.

13 Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso. Kaloku bebona nje, ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi nakuqonda.

14 Kwenzeka kubo njengoko *umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:“ ‘Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

15 Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo, bawavala namehlo abo.Kungenjalo babeya kubona,beve ngeendlebe zabo, baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum, ndize ndibaphilise.’

16 “Kodwa nina ninoyolo, kuba ninamehlo abonayo, kwaneendlebe ezivayo.

17 Ke ndithi kuni, inene, baninzi *abashumayeli nabantu abangamalungisa ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo, àbazibona, nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.”

Ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli

18 “Nina ke, yiveni ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli.

19 Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni.

20 Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo.

21 Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko.

22 Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.

23 Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”

Umzekeliso ngokhula

24 Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe.

25 Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka.

26 Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula.

27 Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’

28 Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’

29 Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa.

30 Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”

Umzekeliso ngokhozo lwembewu yemostade

31 Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokhozo lwembewu yemostade, athe ubani waluthatha, waluhlwayela entsimini yakhe.

32 Ukhozo lwemostade lolona luncinane kunazo zonke iintlobo zembewu, kanti lwakukhula luba lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu kangangokuba neentaka zifike, zakhele emasebeni awo.”

Umzekeliso ngegwele

33 UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye: “Ubukumkani bezulu bunokufaniswa” negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.”

UYesu uyazekelisa

34 Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso.

35 Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi:“Ndiya kuthetha ngemizekeliso,ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.”

Ingcaciso yomzekeliso ngokhula

36 Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.”

37 Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu.

38 Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo.

39 Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu.

40 Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

41 UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho,

42 zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.

43 Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.”

Umzekeliso ngobutyebi obufihlwe entsimini

44 “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.”

Umzekeliso ngeperile exabisekileyo

45 “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye “ubukumkani bezulu bunokufaniswa” nomrhwebi ohamba efuna *iiperile ezintle,

46 othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.”

Umzekeliso ngomnatha

47 “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye “ubukumkani bezulu bunokufaniswa” nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi;

48 ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa.

49 Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo,

50 zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.”

Okutsha nokudala

51 UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?”Baphendula bathi: “Ewe.”

52 Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.”

Ukudelwa kukaYesu eNazarete

53 Kwathi, uYesu akugqiba ukuyenza le mizekeliso, wemka apho.

54 Efikile kowabo, wafundisa endlwini yesikhungo. Bâmangaliseka kakhulu abo bamváyo, besithi: “Ngaba ubufumene phi na obu bulumko? Le mimangaliso yona?

55 Akanguye na unyana womchweli? Unina akanguye na uMariya? Abantakwabo asingabo na ooYakobi, noYose, noSimon, noJuda?

56 Noodade wabo àbahlali apha bonke na? Ngaba lo mntu uzifumene phi zonke ezi zinto?”

57 Ngenxa yale nto ke bambukula.Waza uYesu wathi kubo: “Kakade umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukwelakowabo kuphela, ekhayeni lakhe, apho angayifumani khona.”

58 Ngenxa yokungakholwa kwabo akenzanga mimangaliso mininzi apho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28