Umatewu 23 XHO96

UYesu ulumkisa ngabachazi-mthetho nabaFarasi

1 Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe,

2 esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis.

3 Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo.

4 Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo.

5 Konke okulungileyo abakwenzayo, bakwenzela ukuze babonwe ngabantu. Bawabopha ngemixwayo ebanzi amaqhaga anezicatshulwa zomthetho; bazenze nde iintshinga zezambatho zabo;

6 bathande iindawo zamawonga ezidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungo;

7 bathande ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, bethanda nokuba abantu bathi kubo: ‘Mfundisi!’

8 Ke kuni ze kungathiwa ‘mfundisi,’ kuba mnye uMfundisi eninaye, nibe nina nonke niyimilowo.

9 Ze ningabizi mntu emhlabeni apha ngokuthi nguyihlo, kuba mnye uYihlo, lowo ke usezulwini.

10 Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke.

11 Omkhulu kuni makabe sisicaka senu.

12 Lowo uziphakamisayo uya kuthotywa, athi lowo uzithobayo aphakanyiswe.”

UYesu ukhalimela abachazi-mthetho nabaFarasi

13 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Niyabathintela abantu ekulawulweni nguThixo, kuba nina ngokwenu anivumi ukulawulwa nguye, nize nibanqande nâbo bafuna ukulawulwa nguye.[

14 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.]

15 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.

16 “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’

17 Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide?

18 Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’

19 Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo?

20 Ngoko ke, othe wafunga iqonga lamadini, ufunga lona kwanako konke okuphezu kwalo;

21 nalowo uthe wafunga indlu kaThixo, ufunga yona kwanalowo iyindlu yakhe.

22 Othe wafunga izulu, ufunga ikomkhulu likaThixo, efunga lowo uphetheyo apho.

23 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Ninikela kuThixo ngesishumi sayo imifuno enjengetyeleba nedile nekumin, kanti niyazityeshela ezona zinto zizizo zomthetho: ubulungisa, inceba, nentembeko. Ezi zinto benimelwe kukuzenza, nithi neziya ningazityesheli.

24 Zinkokhelindini eziziimfama, nihluza imbuzane, nisuke niginye isilo esingangenkamela.

25 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kokufunyenwe ngokuphanga nokunyoluka.

26 MFarasindini oyimfama, kuqala hlambulula umphakathi wendebe, wothi ke nomphandle ube uhlambulukile.

27 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo.

28 Ngokukwanjalo nani okunene nibonakala ebantwini ngathi ningamalungisa, kanti ngaphakathi ezintliziyweni nizele luhanahaniso nenkcaso-mthetho.”

UYesu uthetha ngesohlwayo sabachazi-mthetho nabaFarasi

29 “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Nakha amangcwaba *abashumayeli, nizihombise iindawo zokufihlwa kwamalungisa.

30 Nithi: ‘Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, ngesingahambisananga nabo ngokubulawa kwabashumayeli.’

31 Ngokutsho nina ngokwenu niyangqina ukuba ningoonyana bâbo bababulalayo abashumayeli.

32 Qhubelani phambili ke, nikufeze oko kwaqalwayo ngooyihlo.

33 Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, nothini na ukusinda ningàgwetyelwa isihogo?

34 Ke ngoko, niyabona, ndonithumela abashumayeli, nezilumko, nabachazi-mthetho. Inxenye yabo niya kuyibulala, niyibethelele eminqamlezweni; inxenye niyikatse *ezindlwini zenu zesikhungo, nibatshutshisa kwizixeko ngezixeko.

35 Ngako oko lobizwa kuni igazi lawo onke amalungisa elithe laphalazwa emhlabeni, ukususela kwelika-Abheli olilungisa, kuse kwelikaZakariya, unyana kaBherekiya, enambulalela endlwini kaThixo phakathi kwengcwele neqonga lamadini.

36 Ndithi kuni, inene, isohlwayo sazo zonke ezo zinto siya kuba phezu kwabantu besi sizukulwana.”

UYesu usizela iJerusalem

37 “Jerusalem, Jerusalem, wena mbulali *wabashumayeli, ubaxuluba ngamatye abo bathunywe kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza àwavuma!

38 Niyabona ke, uThixo uyanifulathela nomzi wenu.

39 Ndithi kuni, ukususela ngoku anisayi kuba sandibona, de nithi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28