Umatewu 27 XHO96

UYesu usiwa kuPilato

1 Kwakusa, bonke ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu babhunga ngoYesu ngenjongo yokuba abulawe.

2 Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kwirhuluneli uPilato.

Ukuzibulala kukaJudas

3 UJudas, lowo wangcatsha uYesu, akubona ukuba uYesu ugwetyiwe, usuke wazohlwaya, wawabuyisela kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva,

4 esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elingenatyala.”Kodwa bona bathi kuye: “Iyintoni ke loo nto kuthi? Zibonele ngokwakho.”

5 Wayiphosa phantsi *endlwini kaThixo apho loo mali, wemka, waya kuzixhoma.

6 Ababingeleli abaziintloko bayichola-chola loo mali, bathi: “Akuvumelekanga ukuba siyifake kweyeminikelo, kuba le mali yethenge igazi lomntu.”

7 Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.

8 Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.

9 Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),

10 baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”

UPilato uncina uYesu

11 Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”

12 Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.

13 Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”

14 Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.

UYesu ugwetyelwa ukufa

15 Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.

16 Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha.

17 Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?”

18 Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.

19 Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”

20 Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe.

21 Yabuza irhuluneli yathi kuso: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?”Sathi sona: “UBharabha.”

22 UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?”Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”

23 Kodwa yena wathi: “Ngenxa yokuba enze bubi buni na?”Kodwa kwaba kokukhona isihlwele sidanduluka ngakumbi sisithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”

24 UPilato, akubona ukuba akuncedi nto, kungathi kungasuka kubekho isiphithi-phithi, uthathe amanzi, wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.”

25 Baphendula ke bonke abo bantu babelapho, bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.”

26 Wabakhululela uBharabha ke, waza yena uYesu wanikelwa ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.

Amajoni ahlekisa ngoYesu

27 Amajoni ke amsa uYesu eyadini yomzi werhuluneli, aza alibizela apho ibutho lawo liphela.

28 Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu,

29 athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”

30 Amtshicela, ayithatha ingcongolo, ambetha entloko.

31 Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye, esiya kumbethelela emnqamlezweni.

UYesu ubethelelwa emnqamlezweni

32 Ekuphumeni kwamajoni noYesu, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon, aza amnyanzela ukuba athwale umnqamlezo kaYesu.

33 Afika ke kwindawo ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi iNdawo yoKhakhayi),

34 amnika iwayini exutywe nenyongo, ukuba ayisele. Akuyiva akavumanga ukuyisela.

35 Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngezambatho zakhe, esenza amaqashiso ngazo.

36 Ahlala phantsi ke, amgada apho.

37 Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.”

38 Kunye naye kwabethelelwa nezihange ezibini eminqamlezweni, esinye ngasekunene esinye ngasekhohlo.

39 Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko,

40 besithi: “Wena ochitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, ukuba unguye uNyana kaThixo. Yihla emnqamlezweni.”

41 Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye, bekunye nabachazi-mthetho namadoda amakhulu, besithi:

42 “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba únguKumkani wakwaSirayeli makehle kaloku emnqamlezweni; sothi ke sikholwe kuye.

43 Wayekholosa ngoThixo, esithi unguNyana wakhe; uThixo makamsindise ke ngoku ukuba uyamthanda.”

44 Nezihange ezazibethelelwe eminqamlezweni kunye naye zazimngcikiva.

Ukufa kukaYesu

45 Kuthe ke, ukususela kwintsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.

46 Malunga nentsimbi yesithathu uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” (Oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)

47 Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Lo ubiza uEliya.”

48 Wabaleka kwangoko omnye, wathatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu, wayincula ngoluthi, waza wambambela ukuba ayifunxe.

49 Kodwa abanye bathi: “Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.”

50 UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.

51 Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,

52 namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka,

53 baza baphuma emangcwabeni emva kokuvuka kukaYesu ekufeni, bangena kuso isiXeko esiNgcwele, babonakala kubantu abaninzi.

54 Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

55 Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela.

56 Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi.

Ukungcwatywa kukaYesu

57 Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye.

58 Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe.

59 Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo,

60 wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka.

61 Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.

Ukunqatyiswa kwengcwaba likaYesu

62 Ngengomso, ngemini elandela eyokulungiselela *iPasika, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi badibana noPilato,

63 bathi: “Nkosi, sikhumbule okokuba esahleli umlahlekisi lowa wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka ekufeni.’

64 Ke ngoko yalela okokuba ingcwaba linqatyiswe de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze bambe, ze bathi ebantwini uvukile ekufeni, luze olu lahlekiso lokugqibela lube ngaphezulu kunolokuqala.”

65 Waza uPilato wathi kubo: “Ningáwafumana amajoni okugada. Yiyani, nilitywine ingcwaba kangangoko nazi ngako.”

66 Baya ke, balinqabisa ingcwaba ngokulitywina, laza lalindwa ngoomantshingilane.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28