Umatewu 14 XHO96

Ukubulawa kukaYohane umbhaptizi

1 Ngelo xesha uHerode, owayephethe, waziva iindaba ezingoYesu,

2 waza wathi kwizicaka zakhe: “Lo nguYohane umbhaptizi. Uvukile kwabafileyo; yiyo le nto anamandla okwenza ezi zinto.”

3 Kaloku uHerode wambamba uYohane, wamkhonkxa, wamfaka entolongweni. Oku wakwenza ngenxa yokuba yena Herode wayehlalisana noHerodiya umka-Filipu, umninawe wakhe.

4 UYohane wasola uHerode, wamxelela ukuba akuvumelekanga ukuba ahlalisane naye.

5 UHerode wafuna ukumbulala uYohane, kodwa wayesoyika abantu, kuba babesithi ungomnye *wabashumayeli bamandulo.

6 Ngomhla wesikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, intombi kaHerodiya yangqungqa phambi kwababekho kwelo theko, yamkholisa uHerode,

7 waza wayithembisa efunga okokuba woyinika nantoni na esukuba iyicela.

8 Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi: “Ndinike ngoku ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.”

9 Waba buhlungu ukumkani, kodwa ngenxa yesifungo, nangenxa yâbo babesethekweni kunye naye, wathi mayiyinikwe;

10 wathumela okokuba uYohane anqunyulwe intloko entolongweni apho.

11 Yeziswa ke ngesitya intloko yakhe, yanikwa intombi leyo, eyathi yona yayisa kunina.

12 Beza ke abafundi bakaYohane, basithatha isidumbu sakhe, basingcwaba; baza baya kuxelela uYesu.

UYesu wandisa ukutya

13 UYesu, evile ngokufa kukaYohane, wemka ngesikhitshana, waya kwindawo engenabantu eyedwa. Bekuvile oku abantu, baya kuye ngeenyawo, bevela ezidolophini.

14 Ehlile ke esikhitshaneni, uYesu wabona isihlwele sabantu, wavelana naso, wabaphilisa abagulayo ababekuso.

15 Kwakuhlwa abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye ezidolophaneni, bazithengele ukutya.”

16 Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.”

17 Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.”

18 Wathi: “Ziziseni apha.”

19 Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu.

20 Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.

21 Amadoda atyáyo aba kumawaka amahlanu, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

22 Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, ngeli xa yena asindululayo isihlwele.

23 Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho.

24 Ngelo xesha isikhitshana sasesiphakathi elwandle, sintlithwa ngamaza, kuba umoya wawuvela ngaphambili.

25 Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle.

26 Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika.

27 Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.”

28 Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”

29 UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu.

30 Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!”

31 Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?”

32 Bakhwela ke esikhitshaneni, wadamba umoya;

33 baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.”

UYesu uphilisa abagulayo ezweni laseGenesarete

34 Beluwelile uLwandle lwaseGalili, bâfika ezweni laseGenesarete.

35 Amqonda amadoda alapho ukuba nguYesu, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke abagulayo,

36 ambongoza okokuba abagulayo bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Bathi ke abo bawuchukumisáyo baphila mpela.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28