Umatewu 17 XHO96

UYesu wenziwa kumila kumbi

1 Emva kweentsuku ezintandathu uYesu wathatha uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa.

2 UYesu wênziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe babengezela ngokwelanga, izambatho zakhe zaqaqamba njengokukhanya.

3 Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu.

4 Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”

5 Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

6 Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu.

7 Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!”

8 Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.

9 Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”

10 Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”

11 Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto.

12 Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.”

13 Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.

Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana

14 Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe,

15 yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini.

16 Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”

17 Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!”

18 Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.

19 Abafundi bakaYesu bêza kuye bucala, bathi: “Bekutheni kakade ukuze thina singabi nako ukuyikhupha le ndimoni?”

20 Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo.[

21 “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza nokuzila ukutya.”]

UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe

22 Xa babelityhutyha elaseGalili, uYesu wathi kubafundi bakhe: “*UNyana woLuntu seleza kunikelwa ezandleni zabantu.

23 Baya kumbulala, aze abuye avuke ngomhla wesithathu.”Baba buhlungu kakhulu ke.

UYesu uhlawula umrhumo wendlu kaThixo

24 Kwathi uYesu nabafundi bakhe bakufika eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela umrhumo *wendlu kaThixo, bathi kuye: “Umfundisi wenu akawurholi na umrhumo wendlu kaThixo?”

25 Wathi: “Ewe, uyawurhola.”UPetros akungena endlwini, kwathi engekathethi, uYesu wathi kuye: “Simon, ubona njani? Ookumkani beli hlabathi barhafisa bani? Ngaba barhafisa oonyana babo, okanye abasemzini?”

26 Waphendula wathi: “Abasemzini.”Waza uYesu wathi kuye: “Bakhululekile ke erhafini oonyana,

27 kodwa ukuze singabakhubekisi, yiya elwandle, uphose umlobothi, uvule umlomo waloo ntlanzi uthe wayibamba kuqala. Wothi ke emlonyeni wayo ufumane iqhosha lemali elanele umrhumo wam nowakho. Yithathe ubanike, urhumele mna nawe.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28