Umatewu 24 XHO96

UYesu uthetha ngokudilizwa kwendlu kaThixo

1 Xa uYesu wayephuma *endlwini kaThixo bafika abafundi bakhe, bambonisa isakhiwo sendlu leyo.

2 Waphendula wathi kubo: “Niyazibona zonke ezi zinto? Ndithi kuni, inene, akuyi kusala litye phezu kwelitye apha elingayi kudilizwa.”

Ukuqala kwentshutshiso

3 Kwathi, xa uYesu wayehleli phantsi eNtabeni yemiNquma, beza kuye bebodwa abafundi, bathi: “Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuza kwazo nowokupheliswa kweli phakade?”

4 Waza waphendula uYesu wathi: “Lumkani, ningàlahlekiswa bani,

5 kuba baninzi abaya kuza besebenzisa igama lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu.

6 Niya kuthi nive iimfazwe, namarhe eemfazwe; kodwa lumkani, ningabi navuso, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko.

7 Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iindlala, neenyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.

8 Kunjengokuqala kwenimba ke konke oku.

9 “Ngelo xesha baya kunibamba, baninikele ekutshutshisweni, banibulale. Niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.

10 Ngelo xesha abaninzi baya kurhoxa elukholweni, bangcatshane, bathiyane.

11 Kuya kuvela *abashumayeli abaxokayo, balahlekise abantu abaninzi.

12 Ububi buya kwanda kangangokuba luphole uthando lwabaninzi.

13 Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.

14 Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.”

Imbandezelo enkulu

15 “Xa ke ngoko nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso;’ elo *umshumayeli uDaniyeli athetha ngalo, limi ‘endaweni engcwele’ (ofundayo makaqiqe),

16 mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni.

17 Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe.

18 Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe.

19 Hayi ke kwabanzima nabadlezane ngaloo mihla!

20 Thandazelani ukuba ukubaleka kwenu kungabi sebusika okanye *ngoMhla woPhumlo,

21 kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwehlabathi kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo.

22 Ke ukuba uThixo ebengayicuthanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa ngenxa yâbo banyuliweyo, uThixo woyicutha loo mihla.

23 “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukuyamkela loo nto;

24 kuba kuya kuvela abathi banguKrestu, abangenguye; kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso emikhulu kangangokuba bade babalahlekise, ukuba bekunokwenzeka oko, kwanabanyulwa bakaThixo.

25 Niyabona, ndinixelela ezi zinto zingekenzeki.

26 “Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko;

27 kuba ukufika *koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.

28 “Apho sikhona isidumbu, kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”

Ukuza koNyana woLuntu

29 “Kwangoko emva kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.

30 Ngelo xesha uya kubonakala ezulwini umqondiso *woNyana woLuntu, zize zonke iintlanga zehlabathi zenze isijwili, zimbona uNyana woLuntu esiza esemafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu.

31 Liya kuvakala ke ixilongo elikhulu, azithumele eziphelweni zehlabathi izithunywa zakhe, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni somhlaba, kuye esiphelweni sawo.”

Umzekeliso ngomkhiwane

32 “Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.

33 Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.

34 Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.

35 Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”

Phaphani nilinde!

36 “Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Kwanezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo.

37 Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.

38 Njengokuba babesithi ngemihla yangaphambi konogumbe badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini yokungena kukaNowa enqanaweni,

39 bengaqondi, wada wafika unogumbe wabakhukulisa bonke, koba kwanjalo ukufika kwakhe uNyana woLuntu.

40 Ngelo xesha kothi ababini besentsimini, omnye athathwe, omnye ashiywe.

41 Abafazi ababini boba besila elityeni lokusila, omnye athathwe, omnye ashiywe.

42 “Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

43 Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe.

44 Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.”

Umzekeliso ngokuthembeka okanye ukungathembeki kwesicaka

45 “Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo?

46 Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo.

47 Ndithi kuni, inene, eso sicaka inkosi yosiphathisa yonke impahla yayo.

48 Kodwa ukuba eso sicaka sikhohlakele, sisuke sicinge sithi: ‘Inkosi yam ilibele;’

49 size sisuke sibabethe abazizicaka kunye naso, sidle sisele kunye namanxila;

50 yofika inkosi yeso sicaka ngemini esingayilindelanga, nangelixa esingalaziyo,

51 ize isixabele kubini njengokuba kusenziwa kwabangathembekanga. Kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka apho.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28