Umatewu 19 XHO96

Uqhawulo-mtshato

1 Wathi uYesu akugqiba ukuwathetha la mazwi, wemka eGalili, wafika kwimida yelakwaJuda, phesheya kweJordan.

2 Walandelwa yinkitha yabantu, wabaphilisa.

3 Bafika kuye *abaFarasi, bambuza bemlinga, bathi: “Ngaba kuvumelekile na okokuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?”

4 Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi.

5 Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’?

6 Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”

7 AbaFarasi bathi kuye: “Kwakutheni ke ngoko ukuba uMosis avumele indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize imale umfazi wayo?”

8 UYesu wathi kubo: “Kwakungokuba lukhuni kweentliziyo zenu ukuba uMosis anivumele nibàle abafazi benu, kodwa ekuqalekeni kwakungenjalo.

9 Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga, aze athathe omnye, nguye okrexezayo.”

10 Ke abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ukuba unjalo umcimbi wendoda nomfazi, ukuzeka akulunganga.”

11 Waza wathi kubo: “Asingabo bonke abanako ukungàzeki, kuphela ngabo baphiweyo nguThixo.

12 Kuba kaloku bakho abangenamnqweno wakuzeka, ngenxa yokuba bâzalwa benjalo, okanye bênziwa banjalo ngabantu, kanti bakwakho nâbo bakuncamileyo ukuzeka ngenxa yokuthobela ulawulo lukaThixo. Onako ukuyiva le nto makaqiqe.”

UYesu usikelela abantwana

13 Kwaziswa abantwana kuYesu, ukuba ababeke izandla, abathandazele. Basuka abafundi bakaYesu babakhalimela abo babezisa abantwana;

14 waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

15 Wababeka izandla abantwana, wemka.

Umfana osisityebi

16 Kwabonakala mntu uthile esiza kuYesu, wathi: “Mfundisi, ndingenza ntoni ilungileyo ukuze ndibe nobomi obungunaphakade?”

17 UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”

18 Waza wathi: “Yiyiphi le miyalelo?”UYesu wathi: “Yile ithi: Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,

19 beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

20 Ke umfana lowo wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndazigcina. Ngaba kusafuneka ndenze ntoni na?”

21 UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”

22 Ekuvilé oku, umfana lowo wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.

23 Waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndithi kuni, inene, kunzima kakhulu ukuba isityebi sibuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

24 Kananjalo ndithi kuni, kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

25 Bakukuva oku abafundi, bamangaliswa kunene, bathi: “Ngubani na ke onokusindiswa?”

26 Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”

27 Wathi ke uPetros: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela. Ngaba siya kufumana ntoni na ke thina?”

28 Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, nina eningabalandeli bam nothi kwiphakade elitsha, xa *uNyana woLuntu ahleli ebhotwe lobungangamsha bakhe, nani nihlale kwizihlalo zobukhosi ezilishumi elinambini, nibagwebe abezindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.

29 Wonke umntu oncame ikhaya nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela ngokuphinda-phindiweyo, abe nenxaxheba kubomi obungunaphakade.

30 Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28