Umatewu 12 XHO96

Imfundiso kaYesu malunga noMhla wokuPhumla

1 Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya.

2 *AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.”

3 Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?

4 Kaloku wangena endlwini kaThixo, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo. Kanti ngokomthetho ezi zonka yena neqela lakhe babengamelwe kuzitya. Ngababingeleli kuphela ababenelo lungelo.

5 Khona, anifundanga na *emthethweni kaMosis okokuba ababingeleli bayawaphula umthetho woMhla wokuPhumla endlwini kaThixo, bangabi natyala noko?

6 Ke ndithi kuni, lo ulapha mkhulu kunendlu.

7 Ukuba benisazi okokuba ithetha ukuthini na le ndawo ithi *eziBhalweni: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo,’ ngeningabagwebanga abangenatyala.

8 Kaloku *uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.”

Ukuphiliswa kowome isandla

9 Emkile apho uYesu, waya kungena *kwindlu yesikhungo.

10 Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?”

11 Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na?

12 Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.”

13 Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.”Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye.

14 Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu.

15 Ekwazile oko, uYesu wemka apho.UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke,

Esona siCaka sikaThixo

16 ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye,

17 ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi:

18 “Naso isiCaka sam endisinyulileyo,eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso.Ndosifaka uMoya wam,sizazise isigwebo iintlanga.

19 Asiyi kuba nephike sikhwaze,lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso.

20 Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula,nesibane esilozizayo asiyi kusicima.Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa.

21 Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”

UYesu uyaphoxwa

22 Kwathi kwaziswa kuYesu umntu ophethwe yindimoni, eyimfama, esisimumu. UYesu wamphilisa loo mntu, wathetha, wabona nokubona.

23 Samangaliswa sonke isihlwele, sathi: “Akungebi nguNyana kaDavide lo?”

24 Kodwa bona *abaFarasi, bakukuva oku, bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.”

25 UYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyabhanga; nedolophu, nokuba ngumzi, ovukelana wodwa, awunakuba nankqubela.

26 Ke ukuba uSathana ukhupha uSathana, evukelene kwayedwa nje, lothini na ukungawi ulawulo lwakhe?

27 Ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo.

28 Ukuba ke ndizikhupha ngoMoya kaThixo iindimoni, ulawulo lukaThixo aluthwasanga, lugalelekile kuni.

29 “Angathini umntu ukungena endlwini yegorha, ahluthe impahla yalo, engathanga kuqala alibophe igorha elo, aze ke andule ukuyiphanga indlu leyo.

30 “Lowo ungekho kwicala lam, uchasene nam, nalowo ungandincedisiyo ukuqokelela, uyachitha.

31 Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa.

32 Othe wathetha ilizwi elichasene naye *uNyana woLuntu uya kuxolelwa, kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele akayi kuxolelwa kweli phakade nakwelizayo.”

Umthi neziqhamo zawo

33 “Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo.

34 Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko.

35 Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.

36 “Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.

37 Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”

Umqondiso kaJona

38 Abathile kubachazi-mthetho *nabaFarasi bathi kuYesu: “Mfundisi, sicela ukuba usibonise umqondiso.”

39 Wabaphendula wathi kubo: “Sisizukulwana esikhohlakeleyo, esikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona;

40 kuba njengokuba uJona wayemihla mithathu nabusuku buthathu esiswini sesilo esikhulu solwandle, wothi naye *uNyana woLuntu abe mihla mithathu nabusuku buthathu emathunjini omhlaba.

41 Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku phakathi kwenu.

42 Ngomhla womgwebo ukumkanikazi wasezantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku phakathi kwenu.”

Ukubuya kwendimoni

43 “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna indawo yokuphumla; ize yakuba ingayifumani,

44 isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane izé, itshayelwe, ilungisiwe;

45 ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyakuqala. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”

Ezona zizalwana zikaYesu

46 Kwathi uYesu esathetha nesihlwele, kwafika abantakwabo nonina, bema phandle, befuna ukuthetha naye.

47 Kwaza kwakho othi kuye: “Nanku unyoko nabantakwenu phandle, befuna ukuthetha nawe.”

48 Waphendula wathi kulowo wayesitsho: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?”

49 Esalatha abafundi bakhe ngesandla, wathi: “Nanku umama, naba abantakwethu.

50 Kaloku lowo uyenzayo intando kaBawo osezulwini nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28