Umatewu 21 XHO96

UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki

1 Kwathi bakusondela eJerusalem, befikile eBhetefage ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe,

2 esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana nikhangelene nayo. Nothi ke kwangoko nifumane idonki ibotshelelwe, inenkonyane yayo. Yikhululeni, nizizise kum.

3 Ukuba kukho umntu othethayo, yithini kuye: ‘Ziyafuneka eNkosini. Ziza kubuyiswa kwangoku.’ ”

4 Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngumshumayeli, esithi:

5 “Yithini kwisixeko saseZiyon:‘Khangela, uKumkani wakho uza kuwe,elulamile, ekhwele idonki,ekhwele inkonyane, ithole lento ebotshwayo.’ ”

6 Baya ke abo bafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele,

7 beza nayo idonki nenkonyane yayo, baza babeka izambatho zabo phezu kwayo, uYesu wakhwela.

8 Isihlwele esikhulu sabantu sazandlala izambatho zaso endleleni. Abanye baqhuzula amasebe emithini, bawandlala endleleni.

9 Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

10 Akungena uYesu eJerusalem, isixeko sonke saphithizela, sisithi: “Ngubani na lo?”

11 Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.”

UYesu uvala urhwebo endlwini kaThixo

12 UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa;

13 waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange.”

14 Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa.

15 Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!”

16 Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?”UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’”

17 Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhetani, walala khona.

Umqondiso womkhiwane

18 Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba.

19 Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo.

20 Bekubonile oku, abafundi bakaYesu bamangaliswa, bathi: “Kutheni ukuba usuke wome ngokukhawuleza kangaka lo mkhiwane?”

21 Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.

22 Konke enikucelayo ngomthandazo nikholwa, nokwamkela.”

Igunya likaYesu

23 UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?”

24 UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.

25 Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?”Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’

26 Kodwa ukuba sithe: ‘Laphuma ebantwini,’ soyika isihlwele kuba bonke bathi uYohane *ungumshumayeli.”

27 Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.”Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”

Umzekeliso ngoonyana ababini

28 “Kwakukho umntu enoonyana ababini. Wathi kowokuqala: ‘Mntanam, yiya kusebenza esidiliyeni namhlanje.’

29 Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya.

30 UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya.

31 Khanitsho, nguwuphi kwaba bantwana oyenzileyo intando kayise?”Baza bathi: “Ngowokuqala.”Ke uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, abaqokeleli-rhafu namahenyukazi baxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo ningekabuva nina.

32 Kaloku uYohane weza kuni ekweyona ndlela iyiyo, naza nina ànamamkela. Ke bona abaqokeleli-rhafu namahenyukazi bâmamkela. Naxa nakubonáyo oko, anizange nide nizohlwaye, nimamkele.”

Umzekeliso ngesidiliya nabaqeshi baso

33 “Nangu omnye umzekeliso. Kwakukho umninimzi owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe.

34 Lakufika ixesha lokuvuthwa kweziqhamo, wathumela izicaka zakhe kwabo balimi, ukuze amkele esakhe isabelo eziqhameni zesidiliya eso.

35 Basuka bona abalimi basibetha esinye isicaka, esinye basibulala, esinye basigibisela ngamatye.

36 Wabuya ke wathuma ezinye izicaka, zizininzi kunezokuqala, baza benza kwaloo nto nakuzo.

37 Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’

38 Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’

39 Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

40 “Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?”

41 Baza bathi kuye: “Uya kubatshabalalisa kakubi abo bantu bakhohlakeleyo, isidiliya eso asiqeshise kwabanye abalimi, abaya kumnika isabelo sakhe seziqhamo ngexesha lokuvuthwa kwazo.”

42 UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi:“ ‘Ilitye abalidelayo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.Oku kwênzeka kuvela eNkosini;kungummangaliso emehlweni ethu.’

43 “Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [

44 Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.]”

45 Bakuyiva imizekeliso kaYesu, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi baqonda okokuba uthetha ngabo,

46 baza bafuna ukumbamba, kodwa babesoyika isihlwele esasisithi uYesu *ungumshumayeli.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28