Umatewu 20 XHO96

Umzekeliso ngabasebenzi-sidiliyeni

1 “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomninimzi owaphuma kusasa, waya kuqesha abantu bokusebenza esidiliyeni sakhe.

2 Akuba evumelene nabo ukubanika loo mali baqhele ukuyamkela ngemini, wabathumela ke esidiliyeni sakhe.

3 Emva kwexesha uphinde waya ebaleni lembutho, wabona amanye amadoda emi apho engasebenzi,

4 waza wathi kuwo: ‘Nani yiyani kusebenza esidiliyeni sam. Ndonamkelisa umvuzo ofanelekileyo.’

5 Aya ke. Uphinde wenjenjalo nasemini, nasemva kwemini.

6 Emalanga uphinde waya, wabona amanye amadoda emi apho, wathi kuwo: ‘Kutheni na ukuba nime apha imini yonke ningasebenzi?’

7 Athi kuye: ‘Kungenxa yokuba kungekho mntu usiqeshileyo.’ Waza wathi kuwo: ‘Nani yiyani kusebenza esidiliyeni sam.’

8 “Kwakuhlwa ke umninimzi wathi kunobhalana wakhe: ‘Babize abasebenzi, ubamkelise, uqale ngabafike ekugqibeleni, uye kwabafike kuqala.’

9 Beza ke abo babeqeshwe emalanga, baza banikwa loo mali baqhele ukuyamkela ngemini.

10 Bakufika ke abo babeqeshwe kuqala, baba baya kwamkeliswa ngaphezulu, kodwa kwanabo banikwa loo mali baqhele ukuyamkela ngemini.

11 Beyamkele ke basuke bamkhalazela umninimzi,

12 besithi: ‘La madoda afike mva asebenza nje ixeshana, kanti wena uwamkelise ngokulingana nathi, thina esibulaleke kangaka ngumsebenzi, sitshiswa lilanga imini yonke!’

13 Umninimzi wabhekisa komnye, wathi: ‘Mfondini, andiqhathanga mntu. Besingavumelananga na ngemali eqhele ukwamkeliswa umntu ngemini?

14 Thatha imali yakho, uhambe. Ndizithandele okokuba lo mntu ufike mva ndimamkelise njengawe.

15 Kakade ndingenza nayiphi na into endiyithandayo ngemali yam. Kutheni ukuba wena ube nomona ngenxa yokuba mna ndinenceba?’

16 “Kwangokunjalo ke abokugqibela boba ngabokuqala, nabokuqala babe ngabokugqibela.”

UYesu ufundisa okwesithathu ngokufa nokuvuka kwakhe

17 Kwathi, xa uYesu wayeza kuya eJerusalem, wababizela ecaleni abafundi bakhe abalishumi elinambini, wathetha nabo behamba endleleni, wathi:

18 “Niyabona, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa,

19 bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.”

Umka-Zebhedi ucelela oonyana bakhe

20 Ngelo xesha unina woonyana bakaZebhedi weza kuYesu, ehamba noonyana bakhe; wafika wavova phambi kwakhe enesicelo.

21 UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?”Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini ubanike ezona zikhundla ziphezulu xa wena ungukumkani.”

22 Waphendula uYesu wathi: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako ukuyinyamezela intlungu endiza kuyiva mna?”Bathi ke bona kuye: “Sinako.”

23 Wathi kubo uYesu: “Okunene, intlungu yam niya kuyiva; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezabo bazilungiselelweyo nguBawo.”

24 Bekuvile oku abafundi abalishumi, bakhathazeka yile nto yaba bafo bakaZebhedi.

25 Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya.

26 Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

27 nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu;

28 abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

Ukuphiliswa kweemfama ezimbini zaseJeriko

29 Ekuphumeni kwabo eJeriko, uYesu walandelwa sisihlwele esikhulu sabantu.

30 Kwakukho iimfama ezimbini zihleli ngasendleleni, ezathi, zakuva ukuba kugqitha uYesu, zadanduluka zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”

31 Isihlwele sazikhalimela ukuba zithi tu, kodwa zadanduluka ngakumbi zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”

32 Wema ke uYesu, wazibiza, wathi: “Nifuna ndinenzele ntoni na?”

33 Zona zathi kuye: “Nkosi, sicela ukuba kuvulwe amehlo ethu sibone.”

34 Wavelana nazo ke uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaza kwangoko zaba nokubona, zamlandela.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28