Umatewu 5 XHO96

Intshumayelo yasentabeni: Abanoyolo

1 Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe;

2 waza wabafundisa, esithi:

3 “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

4 Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

5 Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!

6 Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

7 Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona!

8 Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!

9 Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

10 Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

11 “Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.

12 Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu.”

Ityiwa nokhanyiso lwehlabathi

13 “Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.

14 “Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.

15 Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini.

16 Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”

Ukuzalisekiswa komthetho kaMosis

17 “Ze ningabi ndize kuchitha *umthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.

18 Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.

19 Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.

20 Inene, ukuba anithanga naba ngamalungisa kunabachazi-mthetho *nabaFarasi, soze nibe ngabalawulwa nguThixo.”

Malunga nomsindo

21 “Nivile ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali;’ kusithiwa: ‘Othe wabulala usisisulu somgwebo.’

22 Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo.

23 Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe,

24 wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho.

25 “Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni.

26 Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

Malunga nokrexezo

27 “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’

28 Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.

29 Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

30 Nokuba isandla sakho sokunene siyakulahlekisa, sinqumle usilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uye esihogweni.”

Malunga noqhawulo-mtshato

31 “Kwathiwa: ‘Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yoqhawulo-mtshato.’

32 Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga umfazi lowo, woba uyamkrexezisa; nothe wazeka loo mfazi waliweyo, uyakrexeza.”

Malunga nokufunga

33 “Kananjalo nivile ukuba kwâthiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungafungi buxoki. Xa uthe wasenza isifungo, uze ukwenze oko uthembise ngako phambi kweNkosi.’

34 Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo;

35 nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani.

36 Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenako ukwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama.

37 Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.”

Malunga nempindezelo

38 “Nivile ukuba kwâthiwa: ‘Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo liphindezelwe ngezinyo.’

39 Ke mna ndithi kuni, musani ukuziphindezela kulowo unonayo. Othe wakuqhwaba kwisidlele sokunene, mguqulele nesinye.

40 Nalowo ufuna ukukusa enkundleni, akuhluthe isambatho sangaphantsi, myekele nesokwaleka.

41 Ukuba onegunya ukunyanzela ukuba uhambe ikhilomitha ibe nye, hamba neyesibini.

42 Mphe lowo ucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungambandezi.”

Malunga nokuthanda iintshaba

43 “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Mthande umhlobo wakho, uluthiye utshaba lwakho.’

44 Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo,

45 ize nibe ngabantwana boYihlo osezulwini, yena ovelisa ilanga phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, anise nemvula phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.

46 Xa nithe nathanda abo banithandayo nina, ninamvuzo mni ke? Kakade àbenzi kwaloo nto, yini na, nabaqokeleli-rhafu?

47 Naxa nithi nibulise amawenu odwa, ningcono ngantoni na kunabanye abantu? Abenzi kwaloo nto, yini na, nabantu abangakholwayo?

48 Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28