Umatewu 7 XHO96

Musani ukugweba

1 “Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo –

2 kuba ngokugweba enigweba abanye ngako, uThixo uya kunigweba kwangako nani; nendlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.

3 Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

4 Ungáthini ukuthi kuwenu: ‘Khawume ndikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ kanti nango umqadi kwelakho iliso?

5 Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala loo mqadi ukwelakho iliso! Wôbona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.

6 “Musani ukukunika izinja okungcwele, kananjalo *iiperile zenu musani ukuziphosa ezihagwini, hleze zizinyathele ngamanqina, zijike ziniqwenge.”

Thandazani nizingisile

7 “Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa;

8 kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa.

9 Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela isonka, asuke amnike ilitye;

10 okanye athi, akucela intlanzi, asuke amnike inyoka?

11 Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukugqithisa ukubapha okulungileyo abo bacelayo kuye?

12 “Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo *yomthetho kaMosis nomyalelo *wabashumayeli bamandulo.”

Isango elimxinwa

13 “Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo.

14 Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.”

Imithi neziqhamo zayo

15 “Balumkeleni *abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

16 Nobaqonda ngezenzo zabo, njengokuba nemithi iqondwa ngeziqhamo zayo. Kakade, khe kukhiwe iidiliya emqaqobeni, okanye amakhiwane emngeni?

17 Kaloku wonke umthi olungileyo uvelisa iziqhamo ezihle, kodwa wona umthi ongalunganga uvelisa iziqhamo ezibi.

18 Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongalunganga awunakuvelisa ziqhamo zihle.

19 Ke wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

20 Ke ngoko abashumayeli abaxokayo nobaqonda ngezenzo zabo.”

Ukuva nokwenza

21 “Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.

22 Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini: ‘Nkosi, besingashumayeli egameni lakho na, sikhuphe neendimoni ngegama lakho, size kwangegunya legama lakho senze imimangaliso emininzi?’

23 Ke mna ndiya kuthi kubo: ‘Andizange ndanazi; mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.’”

Abakhi ababini

24 “Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.

25 Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe.

26 Ke wonke umntu owevayo la mazwi am, angawenzi, unokufanekiswa nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo.

27 Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; yawa, yadilika didli!”

UYesu ufundisa ngegunya

28 Akuba ewathethile la mazwi uYesu, isihlwele sabantu samangaliswa kukufundisa kwakhe,

29 kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28