Umatewu 10 XHO96

Abafundi abalishumi elinambini

1 UYesu wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinambini, wabanika igunya lokukhupha iindimoni nelokuphilisa abantu kwizifo ngezifo.

2 Nânga ke amagama abafundi abalishumi elinambini: kuqala, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya umntakwabo; uYakobi, noYohane umntakwabo, oonyana bakaZebhedi;

3 uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMatewu, umqokeleli-rhafu; uYakobi, unyana ka-Alifeyu, noTadeyu;

4 uSimon iTsha-ntliziyo, noJudas Sikariyoti, owayeza kungcatsha uYesu.

Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini

5 UYesu wabathuma aba bafundi balishumi elinambini, ebayalele ngokuthi: “Ze ningayithathi indlela eya kweleentlanga, ningangeni kwiidolophu zamaSamariya.

6 Yiyani kanye kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.

7 Ekuhambeni kwenu ze nishumayele nisithi: ‘Ulawulo lukaThixo lusemnyango!’

8 Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.

9 Ze ningazameli ukuba nibe nemali emibhinqweni yenu, nokuba yigolide, nokuba yisiliva, nokuba lubhedu.

10 Ze ningaphathi ngxowa, nazambatho ngazibini, nazihlangu, namsimelelo. Kaloku umvuzo ulilungelo kumntu osebenzayo.

11 “Nakusiphi na isixeko okanye idolophu enithe nangena kuyo, funani lowo unokuthi anamkele, nihlale khona de nimke kuloo ndawo.

12 Nakungena emzini, ze nibabulise abakuwo.

13 Ukuba abantu baloo mzi bayanamkela, basikeleleni, kodwa ukuba abanamkeli, uxolo lwenu malubuyele kuni.

14 Ukuba bathe àbanamkela, okanye àbawaphulaphula amazwi enu, ze nithi nakuphuma kuloo mzi, okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu nikhalala.

15 Inene, eso sixeko siya kuva ubunzima ngaphezu kweSodom neGomora ngomhla womgwebo.”

Intshutshiso ezayo

16 “Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe.

17 Balumkeleni abantu, kuba baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo.

18 Nomiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Kulapho niya kundingqinela khona kubo nakuzo iintlanga.

19 Xa bathe banisa enkundleni yamatyala, ze ningaxhaleli ukuba nothetha ntoni na, nokuba nothetha njani na; kothi, lakufika elo xesha, niyinikwe into eniya kuyithetha,

20 kuba asinini abaya kuthetha, nguMoya kaYihlo oya kuthetha kuni.

21 “Oonyana bomntu omnye baya kusana ekufeni, uyise anikele umntwana, bathi nabantwana babavukele abazali, babanikele ukuba babulawe.

22 Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.

23 Xa banitshutshisayo kule dolophu, yiyani kwenye, kuba inene, aniyi kuzigqiba iidolophu zakwaSirayeli engekafiki *uNyana woLuntu.

24 “Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, kungekho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.

25 Makaneliseke umfundi kukuphatheka njengomfundisi wakhe, nesicaka kukuphatheka njengenkosi yaso. Ukuba umninimzi babemthuka ngokuthi unguSathana, ungáthini na ukungàthukwa ngakumbi ngoSathana umzi wakhe?”

Ofanelwe kukoyikwa

26 “Musani ukuboyika abantu. Akukho nto igqunyiweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.

27 Endikuthethayo kuni ebumnyameni, kuthetheni nina ekukhanyeni; enikusetyezelweyo nikubhengeze.

28 Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.

29 Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo.

30 Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke.

31 Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!”

Ukuvuma nokukhanyela uKrestu

32 “Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, nam ndothi ndimvume kuBawo osezulwini.

33 Ke ondikhanyelayo ebantwini, nam ndiya kumkhanyela kuBawo osezulwini.”

Imbambano engoYesu

34 “Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano.

35 Ndize kuxabanisa unyana noyise, intombi nonina, umolokazana no ninazala.

36 Iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.

37 “Othe wathanda uyise nokuba ngunina ngaphezu kwam, akandifanelanga; nothe wathanda unyana nokuba yintombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.

38 Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.

39 Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.

40 “Othe wanamkela nina, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo.

41 Othe wamkela *umshumayeli ngokuba engumshumayeli, wofumana umvuzo womshumayeli; nothe wamkela ilungisa ngokuba lililungisa, wofumana umvuzo welungisa.

42 Othe wapha nokuba mnye kwaba bancinane nekomityi le yamanzi, ngokuba engumfundi wam, inene ngekhe aphosane nomvuzo wakhe nakanjani na.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28