Umatewu 11 XHO96

UYohane umbhaptizi uthumela abafundi kuYesu

1 Kwathi uYesu akugqiba ukubayalela abafundi bakhe abalishumi elinambini, wemka apho, waya kushumayela kwiidolophu zalapho.

2 UYohane, esentolongweni, weva ngemisebenzi kaKrestu, waza wathumela abafundi bakhe,

3 ukuba babuze kuye, bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”

4 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Hambani niye kumbalisela uYohane ezi zinto nizibonayo nenizivayo;

5 okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.

6 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim!”

7 Bakuba bemkile ke abathunywa bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kwisihlwele, esithi: “Naniphume nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na izanya-zanyiswa ngumoya?

8 Naniphume nisiya kubona ntoni na kakade? Yayingumntu ohombileyo na? Niyabona, abo bahombayo basezindlwini zookumkani.

9 Ngaba naniphumele ntoni kakade? *Yayingumshumayeli? Ewe, ndithi kuni, nibone oyena ungumshumayeli ngokupheleleyo.

10 UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye *eziBhalweni ukuthi:“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,sikugabulele izigcawu.’

11 “Ndithi kuni, inene, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo, mkhulu kunaye.

12 Ukususela kwimihla kaYohane umbhaptizi, kude kube ngoku, abantu babegxalathelana ukuya kulo ulawulo lukaThixo, abazimiseleyo bengena benyathelana.

13 Kwakuvakaliswa izibhalo zabo bonke *abashumayeli *nomthetho kaMosis, de kwafika uYohane.

14 UYohane nguye uEliya olindelweyo – ukuba ngaba niyavuma ukukwamkela oko.

15 Oneendlebe zokuva makeve.

16 “Ndiya kubafanisa nantoni na ke abantu besi sizukulwana? Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:

17 “ ‘Sanombelela, naza nina anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’

18 “Kuba kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, kwaza kwathiwa: ‘Unendimoni.’

19 Wafika yena uNyana woLuntu esidla esela; kwaza kwathiwa: ‘Khanibone, umntu onyolukileyo, indlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu naboni!’ Noko ke ubulumko bukaThixo bubonakala buyinyaniso ngayo yonke imisebenzi esisiqhamo sabo.”

Kunyembelekile kwiidolophu zabangakholwayo

20 Waza uYesu wazisola ngokungaguquki kwazo iidolophu apho wayesenza khona inkoliso yemimangaliso yakhe, esithi:

21 “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, wena Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abemi bakhona ngebaguqukayo kwakudala, bambatha ezirhwexayo, bazigalela uthuthu.

22 Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweTire nokweSidon kunokwenu.

23 Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla.

24 Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweSodom kunokwenu.”

Isimemo kobulalekayo

25 Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa, wena Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana.

26 Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.

27 “Zonke izinto ziphathiswe mna nguBawo; kananjalo akukho bani umaziyo uNyana, ngaphandle koYise, kungekho bani umaziyo uYise ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.

28 “Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

29 Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu,

30 kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28