Umatewu 8 XHO96

Ukuphiliswa koneqhenqa

1 Akuhla entabeni apho uYesu, walandelwa ngabantu abaninzi.

2 Kwabonakala kusiza umntu oneqhenqa, owaqubuda phambi kwakhe, wathi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”

3 Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Lahlambuluka kwangoko iqhenqa lakhe.

4 Waza wathi kuye uYesu: “Lumka ungaxeleli bani. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo wezo zinto uMosis wazimiselayo, ube bubungqina ebantwini bokuhlanjululwa kwakho.”

Ukuphiliswa kwesicaka somphathi-butho

5 Kwathi uYesu akungena eKapernahum, wahlangatyezwa ngumphathi-butho wamajoni, owambongozayo

6 esithi: “Nkosi, isicaka sam silele ngendlu. Asisaphakami; sithuthunjelwa gqitha.”

7 UYesu wathi kuye: “Ndofika ndisiphilise.”

8 Waphendula umphathi-butho wathi: “Nkosi, andifanelekanga ukuba ungene phantsi kwentungo yendlu yam. Thetha nje ilizwi; sophiliswa isicaka sam.

9 Nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, kwaye ndikwanamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya ndithi: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam ndithi: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”

10 UYesu wamangaliswa akukuva oku, waza wathi kwababemlandela: “Inene, andikafumani namnye onokholo olungaka nkqu nakwaSirayeli.

11 Ndithi kuni, baninzi abaya kuvela empumalanga nasentshonalanga babe sesidlweni kunye noAbraham noIsake noYakobi apho lukhona ulawulo lukaThixo olufezekileyo.

12 Kodwa abo babekade bengabohlanga olulawulwa nguThixo bolahlelwa phandle ebumnyameni lee, apho baya kulila khona bengcungcutheka.”

13 Waza uYesu wathi kumphathi-butho: “Hamba ke; ngenxa yokuba ukholiwe, wokwenzelwa oko.” Saza saphila kwangelo xesha isicaka eso.

Ukuphiliswa kwabaninzi

14 UYesu waya kwaPetros, wabona umkhwekazi kaPetros elele ephethwe yifiva.

15 Wabamba isandla sakhe; yamyeka ifiva, waphakama, walungiselela uYesu ukutya.

16 Kwakuhlwa kwaziswa kuYesu abantu abaninzi ababeneendimoni. Wazikhupha ngelizwi ezo ndimoni, wabaphilisa bonke abantu ababegula.

17 Oku wakwenza ukuze kuzaliseke ilizwi *lomshumayeli uIsaya elithi: “Wabuthathela kuye ubulwelwe bethu, wazisusa kuthi izifo zethu.”

Ukulandela uYesu

18 UYesu akuyibona indimbane emngqongileyo, wayalela ukuba kuyiwe phesheya koLwandle lwaseGalili.

19 Kweza mchazi-mthetho uthile kuye, wathi: “Mfundisi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”

20 UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”

21 Omnye umfundi wathi kuYesu: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

22 UYesu wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam wena, ubayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo.”

UYesu uzolisa isaqhwithi

23 Kwathi uYesu akukhwela esikhitshaneni, bahamba naye abafundi bakhe.

24 Kwehla isaqhwithi esikhulu elwandle apho, kangangokuba isikhitshana saphantse sagutyungelwa ngamaza. UYesu yena wayelele.

25 Abafundi baya kuye, bamvusa, besithi: “Safa! Nkosi, sisindise!”

26 Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu.

27 Bamangaliswa abantu, baza bathi: “He bethu, ngumntu onjani lo ode alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”

Ukuphiliswa kwababini baseGadara abaneendimoni

28 UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela.

29 Asuka akhala esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Nyana kaThixo? Ngaba uze kusivisa iintlungu na, kungekabi lilo ixesha lazo?”

30 Mgama kwakukho umhlambi omkhulu weehagu edlelweni.

31 Iindimoni zambongoza uYesu zisithi: “Ukuba uyasikhupha, sithumele kulaa mhlambi weehagu.”

32 Wathi kuzo: “Yiyani.” Zaphuma ke, zaya kungena ezihagwini. Wasuka umhlambi lowo wonke waphaphatheka, wehla ethambekeni, weyela elwandle, warhaxwa ngamanzi.

33 Abalusi bezi hagu babaleka, bemka baya edolophini, bakuxela konke okwenzekileyo, bekubalisa nokwenzeke kwababephethwe ziindimoni.

34 Yaphuma ke yonke loo dolophu ukuba ibonane noYesu. Bakudibana naye bambongoza okokuba aphume emideni yabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28