Umatewu 9 XHO96

Ukuphiliswa kofe umzimba

1 UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo.

2 Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.”

3 Baza abathile kubachazi-mthetho bathetha bodwa besithi: “Lo mfo unyelisa uThixo!”

4 UYesu ke, ezazi iingcamango zabo, wathi: “Kutheni na ukuba nibe neengcamango ezikhohlakele kangaka?

5 Okukona kulula kukuphi na: kukho ukuthi: ‘Zixolelwe izono zakho,’ kukho nokuthi: ‘Vuka uhambe’?

6 Ke ukuze nazi ukuba yena uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke!”

7 Waphakama ke, wagoduka.

8 Bakukubona oku abantu, batsho boyika, bamdumisa uThixo, yena onika abantu igunya elingaka.

Ukubizwa kukaMatewu

9 UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.”Yaphakama, yamlandela.

10 Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni.

11 Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?”

12 Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.

13 Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.”

Ukuzila ukutya

14 Abafundi bakaYohane umbhaptizi beza kuYesu, bambuza bathi: “Kutheni na okokuba thina *nabaFarasi sisoloko sizila ukutya nje, kanti bona abafundi bakho abazili?”

15 Wabaphendula wathi: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangákhedama na umyeni esenabo? Abangekhe! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila.

16 “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba sofinyela, sisikrazule isambatho eso.

17 Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”

Intombi kaJayiro nomfazi owaphiliswa kukuchukumisa uYesu

18 Kwathi esazithetha kubo uYesu ezi zinto, kwafika igosa *lendlu yesikhungo, laqubuda kuye, lathi: “Intombi yam isand' ukubhubha. Yiza, uyibeke isandla; iya kuphila.”

19 Waphakama uYesu, walilandela, ehamba nabafundi bakhe.

20 Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, wasondela ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sikaYesu,

21 kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba sisambatho sakhe esi, ndophiliswa.”

22 UYesu wajika, wambona, wathi: “Yomelela, ntombi! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Waphiliswa kwangoko loo mfazi.

23 Wafika ke uYesu endlwini yegosa elo, wazibona iimvumi zomngcwabo, ekubona ukukhathazeka kwesihlwele ebesikho,

24 waza wathi: “Khaniphume. Intombazana le ayibhubhanga; ilele nje.” Basuka bamwa ngentsini.

25 Bakuba bonke bekhutshiwe endlwini, uYesu wangena, wabamba isandla sentombazana leyo, wayivusa.

26 Yaduma loo nto kuwo wonke loo mmandla.

Ukuphiliswa kweemfama ezimbini

27 UYesu wemka apho, kwathi edlula walandelwa ziimfama ezimbini, zikhwaza zisithi: “Nyana kaDavide, senzele inceba.”

28 Akungena endlwini uYesu, zeza kuye iimfama ezo, waza uYesu wathi kuzo: “Niyakholwa na okokuba ndinako ukukwenza oku?”Zaphendula zathi: “Ewe, Nkosi.”

29 Waza uYesu wawachukumisa amehlo azo, esithi: “Makwenzeke kuni ngokokholo lwenu.”

30 Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”

31 Kodwa zona zemka zazibhengeza iindaba ezingoYesu kuwo wonke loo mmandla.

Ukuphiliswa kwesimumu

32 Ukuphuma kwazo ezi mfama, nako kufika isimumu esiphethwe yindimoni, siziswa kuYesu.

33 Kwathi yakukhutshwa indimoni wasuka wathetha lowo ubesisimumu; baza bamagaliswa abantu, besithi: “Into enje ayizange yenzeke kwaSirayeli.”

34 Kodwa bona *abaFarasi bâthi: “Ngumphathi weendimoni lo umnika amandla okukhupha iindimoni ezi.”

Isivuno nabasebenzi

35 UYesu wayejikeleza kuzo zonke izixeko needolophu, efundisa *ezindlwini zesikhungo, eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo ngezifo.

36 Akuzibona izihlwele, wavelana nazo, kuba bezinxubile, zityhafile ngokweegusha ezingenamalusi.

37 Ke wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abavuni.

38 Thandazani ke ngoko kuMnini-sivuno, okokuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28