Umatewu 4 XHO96

Ukuhendwa kukaYesu

1 Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi.

2 Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo.

3 Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”

4 Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”

5 Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo,

6 wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi:“ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe;ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”

7 UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”

8 Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo,

9 wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wazithoba wandinqula.”

10 Waza wathi kuye uYesu: “Hamb' umke, Sathana; kuba iziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”

11 Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.

UYesu uyaqala ukufundisa

12 Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili.

13 Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali.

14 Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:

15 “Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali,nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan,nina baseGalili yeentlanga,

16 bantu ababehleli ebumnyameni,niboné ukukhanya okukhulu;nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa,nivelelwe kukukhanya.”

17 Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

Ukubizwa kwabafundi bokuqala

18 Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi.

19 Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”

20 Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.

21 Uthe ke, ehambele phambili esuka apho, wabona omnye umntu nomntakwabo, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, besesikhitshaneni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.

22 Basishiya kwangoko isikhitshana noyise, balandela uYesu.

UYesu uyafundisa aphilise

23 UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa *ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.

24 Lwaphuma udumo lwakhe, lwavakala kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo, benezifo neentuthumbo, nabaphethwe ziindimoni, nabanesithuthwane, nabafe umzimba, waza wabaphilisa.

25 Ke izihlwele zabantu zazimlandela uYesu, zivela eGalili, nakwiiDolophu eziliShumi, naseJerusalem, nakwelakwaJuda, naphesheya kweJordan.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28