Umatewu 22 XHO96

Umzekeliso ngesidlo esikhulu

1 Waphinda uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi:

2 “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owamenzela umsitho unyana wakhe.

3 Wazithuma izicaka zakhe ukuba ziye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni. Kodwa bona abavumanga;

4 waphinda wathuma ezinye izicaka, esithi mazithi kwâbo bamenyiweyo: ‘Niyabona, isidlo sam sendisilungisile. Iinkomo zam nempahla yam etyetyisiweyo sezixheliwe. Konke sekulungile; yizani emsithweni.’

5 Kodwa nangoko abo bamenyiweyo abayikhathalelanga loo nto, basuka omnye waya emasimini akhe, omnye waya evenkileni yakhe;

6 baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala.

7 Waba nomsindo ke ukumkani, wathuma amajoni akhe, wabatshabalalisa abo babulali, wayitshisa idolophu yabo.

8 Waza wathi kwizicaka zakhe: ‘Okunene umsitho sewulungile, kodwa abamenyiweyo abafanelekanga.

9 Ke ngoko yiyani apho zihlangana khona iindlela, nibamemele emsithweni bonke abantu enibafumanayo.’

10 Zaphuma ezo zicaka, zaya ezindleleni, zabahlanganisa bonke abo zabafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo. Indlu yomsitho yazala yema ngeembambo.

11 “Kwathi, akungena ukumkani, esiya kubona abasemsithweni, wabona kukho umntu ongayambathanga ingubo yomsitho,

12 waza wathi kuye: ‘Mfondini, ungene njani na apha ungenáyo ingubo yomsitho?’ Wakhohlwa kukuphendula.

13 Waza ukumkani wathi kwizicaka: ‘Mbopheni izandla neenyawo, nimphose phandle ebumnyameni lee, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’

14 Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.”

Umbuzo ngerhafu

15 Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu.

16 Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe.

17 Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?”

18 Ke uYesu, eyazi inkohlakalo yabo, wathi kubo: “Bahanahanisindini, nindilingelani na?

19 Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.”Bayizisa ke,

20 waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso neli gama?”Bathi kuye: “NgokaKhesare.”

21 Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”

22 Bakuva bamangaliswa, bamyeka bemka.

Umbuzo ngovuko lwabafileyo

23 Kwangaloo mini kweza *abaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza

24 besithi: “Mfundisi, uMosis wathi: ‘Ukuba ubani uthe wafa engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi womfi lowo, azalelwe abantwana.’

25 Ke kaloku, phakathi kwethu kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana, waza umfazi lowo waba ngowomninawa.

26 Nomninawa lowo wabhubha kungekho mntwana, umfazi waba ngowowesithathu. Kwaba ngokunjalo nakulo mninawa, kwada kwaya kowesixhenxe.

27 Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.

28 Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babenaye.”

29 Waphendula uYesu, wathi kubo: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.

30 Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.

31 Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, aniyifundanga na into ethethwe kuni nguThixo, esithi:

32 ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’? UThixo ke akaThixo wabafileyo, ungowabaphilayo.”

33 Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.

Owona myalelo mkhulu

34 *AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana,

35 waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga,

36 wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?”

37 Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’

38 Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.

39 Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’

40 Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.”

UKrestu unyana kaDavide

41 Xa babehlanganisene *abaFarasi, uYesu wababuza esithi:

42 “Nithini na nina ngaye *uKrestu? Úyinto kabani?”Baza bathi: “NgokaDavide.”

43 Waza wathi kubo: “Kutheni na ke phofu ukuba ngamandla oMoya uDavide abize uKrestu ngokuthi ‘Nkosi’, apho athi:

44 “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga,lo gama ndikoyisela iintshaba zakho’?

45 “Ukuba uDavide uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ukuba ngunyana wakhe?”

46 Akubangakho namnye unako ukuphendula nelizwi eli; kwathi, ukususela kuloo mini, akwaba sabakho bani unesibindi sakumbuza nento le.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28