Umatewu 16 XHO96

AbaFarasi nabaSadusi bafuna umqondiso

1 *AbaFarasi *nabaSadusi beza kuYesu, bathi bemlinga bacela okokuba ababonise umqondiso ophuma ezulwini.

2 Waphendula ke wathi kubo: [“Ukutshona kwelanga nithi: ‘Liya kuba lihle, kuba amafu abomvu.’

3 Kusasa nithi: ‘Namhlanje liza kuna, kuba lisibekele.’ Niyayahlula ke imo yezulu. Kutheni na phofu ningayahluli nje imiqondiso yeli xesha sikulo?]

4 Sisizukulwana esikhohlakeleyo, nesikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, esifuna umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso ngaphandle komqondiso kaJona.” Wabashiya ke wemka.

Igwele labaFarasi nabaSadusi

5 Ekuluweleni kwabo abafundi bakaYesu uLwandle lwaseGalili, bâlibala ukuphatha isonka;

6 waza uYesu wathi kubo: “Ligqaleni nililumkele igwele *labaFarasi *nabaSadusi.”

7 Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singaphathanga zonka.”

8 UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka, nina balukholo luncinane?

9 Anikaqondi na? Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iingobozi ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?

10 Anikhumbuli na ukuba zazingaphi iibhaskiti ezazizele yintsalela okuya ndandiqhekezela amawaka amane izonka ezisixhenxe?

11 Yini na okokuba ningaqondi ukuba bendingathethi sonka xa bendisithi kuni: ‘Lilumkeleni igwele labaFarasi nabaSadusi’?”

12 Baqonda ke ngoko ukuba uYesu ubengàtsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka, koko wayesithi mabalumkele imfundiso yabaFarasi nabaSadusi.

UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu

13 UYesu efikile kummandla waseKhesariya-Filipi, wababuza abafundi bakhe, esithi: “Ngaba abantu bathi ùngubani na *uNyana woLuntu?”

14 Bamphendula besithi: “Abathile bathi ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya; babe abanye besithi ùnguJeremiya, okanye ùngomnye *wabashumayeli bamandulo.”

15 Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”

16 Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”

17 Waphendula uYesu wathi kuye: “Unethamsanqa wena, Simon nyana kaJona, kuba le nto akuyityhilelwanga ngumntu, uyityhilelwe nguBawo osezulwini.

18 Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa.

19 Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.”

20 Wabayala ke abafundi bakhe ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKrestu.

UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe

21 Waqala ke ngoko uYesu ukubacacisela abafundi bakhe ukuba umelwe kukuya eJerusalem, aviswe ubunzima obukhulu ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho, abulawe, aze avuke ngomhla wesithathu.

22 UPetros ke, emse bucala uYesu, wamkhalimela esithi: “Wanga uThixo angakunceda, Nkosi; oku kungàze kwenzeke kuwe.”

23 Wajika uYesu, wathi kuPetros: “Hamb' umke kum, Sathana. Uyandikhubekisa, kuba akuzinyamekeli izinto zikaThixo, unyamekela ezabantu.”

24 UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele;

25 kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

26 Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?

27 Kaloku *uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo.

28 Ndithi kuni, inene, kwabakhoyo apha bakho abangayi kubonana nokufa bade bambone uNyana woLuntu efika engukumkani.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28