Umarko 12 XHO96

Umzekeliso ngesidiliya nabaqeshi baso

1 Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe.

2 Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso.

3 Basuka bona basihlasela, basibetha, basindulula singaphathanga nto.

4 Wabuya ke wathuma esinye isicaka kubo. Sona basigqebha iinduma, basihlazisa.

5 Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala.

6 Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’

7 Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’

8 Bambamba ke unyana lowo, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.

9 “Uya kwenza ntoni na ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele bantu bambi eso sidiliya.

10 Niyifundile kaloku *eziBhalweni indawo ethi:“ ‘Ilitye abalidelayo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.

11 Oku kwênzeka kuvela eNkosini;kungummangaliso emehlweni ethu.’”

12 Ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu babefuna ukumbamba ke uYesu, kuba kwakuqondakele ukuba uzekelisa ngabo. Kodwa babesoyika isihlwele, baza bamyeka bemka.

Umbuzo ngerhafu

13 Kwathunyelwa ke kuYesu abathile *babaFarasi nabathile beqela *lamaHerode, ukuze bambambise ngamazwi.

14 Befikile ke bona, bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, ungenamkhethe, kuba akucengi bani, kodwa uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga; masiyirhole irhafu, singayirholi, kusini na?”

15 Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.”

16 Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Bathi kuye: “NgokaKhesare.”

17 Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”Bamangaliseka yimpendulo yakhe.

Umbuzo ngovuko lwabafileyo

18 Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi:

19 “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’

20 Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana.

21 Wathi ke owesibini wamngena, kodwa naye wasweleka engenabantwana. Benjenjalo ke

22 bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.

23 Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”

24 Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.

25 Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.

26 Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’?

27 AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”

Owona myalelo mkhulu

28 Kwafika omnye wabachazi-mthetho, wabeva bebambene ngemibuzo, waqonda ukuba uYesu ubaphendule kakuhle. Wambuza ke esithi: “Owona myalelo mkhulu kunayo yonke nguwuphi?”

29 UYesu wamphendula esithi: “Owona myalelo mkhulu ngulo uthi: ‘Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi ényé.

30 Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’

31 Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.”

32 Umchazi-mthetho ke wathi kuye: “Ngxatsho ke, Mfundisi, unyanisile ukuthi mnye uThixo, kungekho wumbi ngaphandle kwakhe;

33 nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.”

34 UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye: “Akukude wena ekulawulweni nguThixo.” Emva koko akwaba sabakho mntu unobuganga bakumbuza nto.

UKrestu unyana kaDavide

35 Efundisa *endlwini kaThixo uYesu, wabuza esithi: “Batsho ngani na abachazi-mthetho ukuthi: ‘UKrestu ngunyana kaDavide’?

36 Kaloku uDavide ngokwakhe, ekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, wathi:“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wongalo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’

37 “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?”Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu.

UYesu ulumkisa ngabachazi-mthetho

38 Ekusifundiseni kwakhe uYesu isihlwele wayesithi: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo kwiindawo zembutho,

39 befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.

40 Abo bayiphangayo imizi nemfuyo yabahlolokazi, baze bazenzise besitsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”

Umnikelo womhlolokazi

41 UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu.

42 Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti.

43 UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli.

44 Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16