Umarko 15 XHO96

UYesu phambi koPilato

1 Kwakusa ke, ababingeleli abaziintloko benza isigqibo, benamadoda amakhulu nabachazi-mthetho *neBhunga liphela. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kuPilato.

2 UPilato wambuza esithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”Waphendula yena wathi kuye: “Nawe utsho.”

3 Bammangalela ke uYesu ngeendawo ezininzi ababingeleli abaziintloko.

4 Waphinda uPilato wambuza esithi: “Akuphenduli nento le na? Khangela ukuba ninzi kwazo iindawo abakumangalela ngazo.”

5 Noko ke uYesu akaphendulanga nento le, ngokokude amangaliswe uPilato.

UYesu ugwetyelwa ukufa

6 Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele.

7 Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube.

8 Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo.

9 Waphendula uPilato esithi: “Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaJuda na?”

10 Wayesazi ukuba ababingeleli abaziintloko bamnikele ngomona uYesu.

11 Ke bona ababingeleli abaziintloko basifunza isihlwele ukuba sicele ukuba asikhululele uBharabha, ingabi nguYesu.

12 Waphinda wabuza uPilato, esithi: “Ndimthini na ke lowo nina nithi ngukumkani wamaJuda?”

13 Baphendula bekhwaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”

14 Wathi ke kubo uPilato: “Kuba enze bubi buni na?”Kodwa kwaba kukhona bankqangazayo, besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”

15 UPilato ke, efuna ukusikholisa isihlwele, wamkhulula uBharabha, uYesu yena wamnikela ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.

Amajoni ahlekisa ngoYesu

16 Amajoni amsa uYesu ngaphakathi kweyadi yomzi werhuluneli, alibizela ndawonye ibutho lawo liphela.

17 Amambathisa ingubo ebomvu uYesu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso,

18 aza akhahlela esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”

19 Ambetha entloko ngengcongolo, amtshicela, akhahlela.

20 Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo ibomvu, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye esiya kumbethelela emnqamlezweni.

UYesu ubethelelwa emnqamlezweni

21 Amajoni ke anyanzela umntu othile, owayedlula evela emaphandleni, ukuba athwale umnqamlezo kaYesu. Lowo wayenguSimon waseKirene, uyise ka-Alesandire noRufo.

22 Amsa ke uYesu endaweni ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi, xa kuguqulwayo, iNdawo yoKhakhayi).

23 Apho ke amnika iwayini enesiyobisi, kodwa akavumanga ukuyisela.

24 Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngeengubo zakhe, esenza *amaqashiso ngazo, ukuze othile athathe ethile.

25 Ke kaloku kwakungentsimbi yethoba kusasa ukumbethelela kwabo emnqamlezweni.

26 Phezulu emnqamlezweni kwakubhalwe ityala lakhe, kwathiwa: “UKumkani wamaJuda.”

27 Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [

28 Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.” ]

29 Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu,

30 zisindise uhle emnqamlezweni!”

31 Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa.

32 *UKrestu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kaloku emnqamlezweni, sibone, size sikholwe.”Kwanâbo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye babemenza isigculelo.

Ukufa kukaYesu

33 Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.

34 Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)

35 Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.”

36 Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”

37 UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

38 Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi.

39 Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

40 Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi.

41 Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem.

Ukungcwatywa kukaYesu

42-43 Kuthe ke kwakuba kuhlwile, kwafika uJosefu waseArimati. Yena wayelilungu elibekekileyo *leBhunga, elulindele naye ulawulo lukaThixo. Ekubeni ke kwakuyimini yokulungiselela (oko kukuthi umhla ophambi *kowokuPhumla), yena waya kungena ngobuganga kuPilato, wawucela umzimba kaYesu.

44 Wamangaliswa ke uPilato akuva ukuba uYesu selefile, waza wabiza umphathi-butho wamajoni, wambuza ukuba uYesu selenexesha na efile.

45 Wathi ke, akuqonda kumphathi-butho lowo, wamnika uJosefu umzimba kaYesu.

46 UJosefu ke, ethenge ilinen, wamthula uYesu, wamsongela kuyo, wambeka engcwabeni elalixholwe eliweni, waqengqela ilitye, walivala ingcwaba.

47 Babona ke ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYose apho wayebekwe khona uYesu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16