28 Lwathi ke udumo lukaYesu lwavakala kulo lonke elaseGalili.
29 Baphuma ke *endlwini yesikhungo, kwangoko baya kwindlu kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
30 Ke umkhwekazi kaSimon wayelele, egula yifiva, baza bamxelela uYesu ukuba akaphilanga.
31 Waya kuye uYesu, wamphakamisa embambe ngesandla; yaphela kwangoko loo fiva, waza wabalungiselela ukutya.
32 Kwathi ke ngokuhlwa, selitshonile ilanga, abantu bazisa kuye bonke abagulayo nabaneendimoni.
33 Bonke abantu baloo dolophu babehlanganisene ngasemnyango apho.
34 UYesu ke waphilisa abaninzi abagula zizifo ngezifo, ekhupha neendimoni. Iindimoni ezi wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi.