33 Bonke abantu baloo dolophu babehlanganisene ngasemnyango apho.
34 UYesu ke waphilisa abaninzi abagula zizifo ngezifo, ekhupha neendimoni. Iindimoni ezi wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi.
35 Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese.
36 USimon nâbo babenaye baya kumfuna.
37 Bakuba bemfumene, bathi kuye: “Uyafunwa ngumntu wonke.”
38 Kambe ke yena wathi kubo: “Masihambe siye kwezinye iidolophu zalapha, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezimnandi. Kaloku ndizele kanye loo nto.”
39 Walityhutyha lonke elaseGalili, eshumayela *ezindlwini zesikhungo, ekhupha iindimoni.