9 Ngaloo mihla ke weza uYesu, evela eNazarete kwelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eJordan apho.
10 Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe.
11 Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”
12 Kwangoko uMoya oyiNgcwele wamqhubela entlango uYesu.
13 Waba lapho entlango iintsuku ezimashumi mane, elingwa nguSathana, ephakathi kwezilo zasendle. Izithunywa zezulu ke zazimlungiselela kwiintswelo zakhe.
14 Emva kokubanjwa kukaYohane, uYesu waya eGalili, evakalisa iindaba ezimnandi ezivela kuThixo,
15 esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”