4 Bathi bona: “UMosis uyayivumela indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize ke imale umfazi wayo.”
5 Waphendula uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zenu,
6 kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi.
7 Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo,
8 baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye.
9 Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
10 Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza uYesu ngayo loo nto.