1 Ke kaloku, bakusondela eJerusalem, eBhetefage naseBhetani, ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe,
2 esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nani. Nothi ke ningenanje nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni ke, niyizise apha.
3 Ukuba ubani uthe kuni: ‘Kutheni na ukuba nikwenze oku?’ ze nithi: ‘Iyafuneka eNkosini. Iza kubuyiswa kwangoku.’ ”
4 Basuka ke baya, bayifumana inkonyana ibotshelelwe ngasesangweni esitalatweni. Bakuyikhulula ke,
5 abathile kwababemi khona bathi kubo: “Nenza ntoni na, niyikhulula nje inkonyana?”
6 Bathetha ke njengoko babeyalelwe nguYesu, baza bayekwa.