20 Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini.
21 UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”
22 Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene,
23 othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.
24 Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.
25 Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu. [
26 Ke, ukuba anixoleli, nàye uYihlo osezulwini akayi kunixolela iziphoso zenu.]”