3 Ukuba ubani uthe kuni: ‘Kutheni na ukuba nikwenze oku?’ ze nithi: ‘Iyafuneka eNkosini. Iza kubuyiswa kwangoku.’ ”
4 Basuka ke baya, bayifumana inkonyana ibotshelelwe ngasesangweni esitalatweni. Bakuyikhulula ke,
5 abathile kwababemi khona bathi kubo: “Nenza ntoni na, niyikhulula nje inkonyana?”
6 Bathetha ke njengoko babeyalelwe nguYesu, baza bayekwa.
7 Bayizisa inkonyana kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo, wakhwela.
8 Abaninzi ke bandlala iingubo zabo endleleni, bathi abanye bandlala amahlamvu abawakhe emasimini.
9 Abo babehamba ngaphambili nabo babelandela ngasemva babedanduluka besithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi!