21 Wathi ke owesibini wamngena, kodwa naye wasweleka engenabantwana. Benjenjalo ke
22 bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
23 Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
24 Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo.
25 Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini.
26 Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’?
27 AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”