5 Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala.
6 Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’
7 Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’
8 Bambamba ke unyana lowo, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.
9 “Uya kwenza ntoni na ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele bantu bambi eso sidiliya.
10 Niyifundile kaloku *eziBhalweni indawo ethi:“ ‘Ilitye abalidelayo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.
11 Oku kwênzeka kuvela eNkosini;kungummangaliso emehlweni ethu.’”