19 kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo.
20 Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo.
21 “Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto;
22 kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka.
23 Lumkani ke nina! Kaloku ndinixelele ezi zinto zingekenzeki.”
24 “Ngaloo mihla, emva kwayo loo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi,
25 zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke.