1 Ke kaloku kwakuziintsuku ezimbini phambi *kwePasika *netheko lezonka ezingenagwele. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.
2 Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”
3 Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo.
4 Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo?