10 UJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, wesuka ke waya kubabingeleli abaziintloko ukuze amnikele kubo uYesu.
11 Bathi bona bakuva bavuya, bamthembisa ngemali. Yena ke wahlala efuna ithuba lokuba amnikele.
12 Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, xa kwakubingelelwa itakane *lePasika, abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na iPasika?”
13 Ke wathuma bababini kubafundi bakhe, wathi kubo: “Hambani niye esixekweni. Nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Mlandeleni ke,
14 niye kuloo ndlu angena kuyo, nithi kumnini-mzi: ‘Uthi uMfundisi: “Liphi na igumbi leendwendwe elilungiselelwe mna, apho ndingáyidlela khona iPasika nabafundi bam?” ’
15 Yena wonibonisa igumbi elikhulu, eliphezulu, linempahla yalo. Lungiselelani apho ke.”
16 Bahamba abo bafundi, baya kungena esixekweni, bafika kunjengoko wayetshilo, bayilungiselela iPasika.