35 Ehambele phambili umganyana ke, wawa emhlabeni, wathandazela ukuba loo ndebe ikrakra idlule kuye ukuba kunokwenzeka.
36 Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”
37 Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Simon, ulele? Ubungenakulinda na okweli thutyana?
38 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”
39 Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi.
40 Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula.
41 Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.