40 Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula.
41 Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni.
42 Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”
43 Kwangoko, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu.
44 Ke kaloku umngcatshi lowo wayebanike umqondiso esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni, nimke naye angaphuncuki.”
45 Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wathi: “Mfundisi!” Wamanga.
46 Bambamba ke uYesu,