53 UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho.
54 Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.
55 Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga,
56 kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani.
57 Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi:
58 “Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ”
59 Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani.