25 Ke kaloku kwakungentsimbi yethoba kusasa ukumbethelela kwabo emnqamlezweni.
26 Phezulu emnqamlezweni kwakubhalwe ityala lakhe, kwathiwa: “UKumkani wamaJuda.”
27 Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [
28 Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.” ]
29 Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu,
30 zisindise uhle emnqamlezweni!”
31 Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa.