33 Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.
34 Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)
35 Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.”
36 Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”
37 UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.
38 Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi.
39 Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”